Ulawulo Lwesityalo se Thanga

© Louise Brodie

Ukutshintshwa Kwesityalo

Kulicebo elilungileyo ukulitsintsha-tshintsha nezinye izityalo ezifana nengqolowa, ii-alliums kunye nemifuno engamagqabi.

Isivuno - iitoni kwi hekthare nganye

Ngokwesiqhelo: 15 iitoni
Phakathana: 20 iitoni
Esihle: 30+ iitoni

Ukuvunwa

Ukuvunwa kuqala malunga nentsuku ezingama 90 emva kokutyala imbewu okanye malunga neentsuku ezingama 30 emva kokuba kuphuma ithanga. Vuna xa ixolo lethanga liqala ukuqina. Uze ungayeki ithanga ukuba lide livuthwe ngokupheleleyo phambi kokuvuna, kuba oku kumisa ukukhula kweentyatyambo ze kunciphise isivuno. Sika ikanye utsale ithanga kunye nalendawana libambelele ngayo, kuba oku kwenza ukuba libole kade.
Ungonakalisi ixolo kuba oku kubizela izifo nokubola. Ungaqhubekeka nokuvuna kangange sithuba senyanga. Abanye abalimi bayasiyeka esi sityalo ukuba siqhubeke nokukhula ze bavune kangange xesha elide kwaye bangazuza izivuno ezibini kumjikelo ngamnye.

Ukugcinwa

Ithanga lingagcinwa isithuba esifikelela kwiinyanga ezintathu kumagumbi angena umoya owaneleyo, kwaye kufanele amathanga angaxinani ukuze akwazi ukungena umoya. Ngaphambi kokuba abekwe elugcinweni kufuneka anyangwe ngendlela elungileyo. Oku ke kungenziwa entsimini kangangentsingi ezimalunga ne 12, lo gama kungekho mvula nemo yezulu ifudumele kwaye yomile. Okanye anganyangwa kumagumbi afudunyeziweyo anamaqondo amalunga nama 26°C kwakunye nokufuma okungama 80%. Emva kokunyanga amathanga, ungawagcina ixesha elide kumaqondo obushushu aphakathi kwe 10°C ukuya ku 11°C kunye nokufuma okungama 70%.

Izonakalisi

iAmerican bollworm, Isigcawu esibomvu, impukane yethanga, iladybird, ivine borers, aphids, kunye nemisundululu.

Izifo

Anthracnose, Ukungunda, Fusarium, Powdery mildew, Amachokoza amagqabi, Sclerotinia, Ukubola kwesiqhamo kunye ne Mosaic virus.
Kucetyiswa ukuba ufumane iingcebiso kwingcali zekhemikhalo okanye kwi extension officer ukuze ufumane ulwazi ngenkqubo elungileyo onokuyisebenzisa, ukubulala izonakalisi uthintele nezifo.

Translated by Zizipho Silwana