Ukutyalwa kwe Thanga kunye ne Hubbard Squash

© Louise Brodie

Ukwandisa

Ukwandiswa kwe thanga kunye ne Hubbard squash kungenziwa ngembewu. Imbewu ikhula phakathi kwisiqhamo.

Indlela Yokutyala

Kungatyalwa ngokuhlwayela imbewu ngqo ngesandla okanye ngemitshini yokutyala. Ukutyalwa kwezithole ezikhuliselwe kwii treyi zokutyala, kuxhaphakile nako njengoko oku kukhokelela ekubeni isityalo silungele ukuvunwa kwangethuba. Imbewu ingatyalwa ize intshule kwamsinya ka isithiwe okanye ikwizindlu zezityalo (greenhouses), ingakumbi kwimozulu ebandayo yasebusika yenyanga zika Julayi nasekuqaleni kweka Agasti.

Ukuqelelanisa

©Louise Brodie
Iimithana enabayo ukukhula kufuneka iqelelaniswe kangaka ngama 75 cm ukuya kuma 100 cm kwimiqolo eqelelane kangama 200 cm. Oku kuphakathi kwezityalo ezingama 5 000 kunye nama 8 000 kwi hekthare nganye. Ezi ke zikhula zibengamahlahla zingaqelelaniswa kangaka ngama 50 cm ukuya kuma 75 cm kwimiqolo engama 150 cm ukuya kuma 200 cm ukuqelelana. Oku kuphakathi kwezityalo ezingama 8 000 kunye nama 10 000 kwi hekthare nganye.

Ixesha Lokuhlwayela

Ukuhlwayelwa ngqo kwe mbewu yethanga okanye ye squash seeds kuvamise ukwenziwa xa amaqondo obushushu omhlaba eqala ukwenyuka entwasahlobo. Oku kungenziwa nangeliphi ixesha ukusuka embindini wenyanga ka Septemba ukuya ekuqaleni kweka Okthobha.

Ixesha Lokutyala

Ukutyalwa kwezithole kufuneka kubexa amaqondo obushushu eqalisa ukwenyuka, ngexesha elinye ekutyalwa ngalo imbewu. Eli xesha liqala embindini wenyanga ka Septemba ukuya ekuqaleni kweka Okthobha.

Ixesha Lokukhula

Ihubbard squash ingavunwa malunga neveki ezili 14 ukuya kwezili 16 emva kokuhlwayelwa kwembewu.
Amathanga adinga ixesha elidana kwaye avamise ukulungela ukuvunwa kwiveki eziphakathi kwe 16 ukuya kwi 18 emva kokuhlwayelwa kwembewu.

Isichumiso

Kuvamise ukwanela ukugalela isichumiso izihlandlo ezibini. Kubekanye ngethuba kutyalwa, kuphindwe kwakhona kwiiveki ezi 6 ukuya kwezisi 8 emva kokutyala. Ngethuba kutyalwa, galela umxube wazo zontathu iimacronutrients, Nitrogen (N), Phosphate (P) kunye ne Potassium (K). Oku kungaba ngumlinganiselo omalunga nama 750 khilogrem we 2:3:4 (30) kwi hekthare nganye. Emva koku kufuneka kuhlakulwe nge disk plough kumhlaba ongama 20cm ongaphezulu, kwihekthare nganye kane phambi kokutyala izithole.
Xa imbewu yethanga kunye neye Hubbard squash ihlwayelwe ngqo okanye ityaliwe, kungagalelwa umlinganiselo olinganayo nalo ungentla, kanye emva kokuba imbewu iqale ukuntshula kwaye imalunga nee sentimitha ezintlanu ubude. Zama ukugalela lomxube ecaleni kwemiqolo yezityalo kufuphi nendawo enengcambu ukuze ungachumisi ukhula. Ukhula kufuneka lugadwe kweziveki zokuqala. Kungaphinde kugalelwe isichumiso okwesibini, nesingumlinganiselo omalunga nama 300 khilogrem eLAN kwihekthare nganye, kwiiveki ezi 6 ukuya kwezisi 8 emva kokutyala.

Ukunkcenkceshela

Ubumanzi bomhlaba kufanele bugadwe kabini ngeveki, ubuncinane. Oku kwenziwa ngomhlakulo okanye irhalafu okanye ngokufaka iimitha zamanzi kwintsimi yonke. Uxinzelelo lwamanzi luyonakalisa kakhulu kwaye kunganciphisa imveliso. Ngokwesiqhelo ama 30 mm ukuya kuma 35 mm amanzi ngeveki ayonela. Ukuba amaqondo obushushu aphezulu, ngoko ke amaxesha okunkcenkceshela nawo kufuneka onyuswe ngokufanelekileyo. Njengokuba iingcambu zikufutshane ngaphezu komhlaba kungankcenkceshelwa kabini ngeveki. Oku kukhuthazwa kakhulu kwimihlaba eyisanti naxa amaqondo obushushu ephezulu.

Translated by Zizipho Silwana