Ulawulo Lwesityalo se Thanga Kunye ne Hubbard Squash

© Louise Brodie
Pumpkins growing.

Ukutshintshwa Kwesityalo

Tshintsha-tshintsha ngezityalo ezinamagqabi okanye ngeembotyi.
Isivuno (Iitoni kwi hekthare nganye)
Ngokwesiqhelo:15 iitoni
Phakathi: 20 iitoni
Esihle: 30+ iitoni

Ukuvunwa

©Louise Brodie
Pumpkin harvesting.
Kuvunwa ngesandla. Qaphela ungasonakalisi isiqhamo kuba oku kungenza ukubola. Sika isiqu malunga ne 10cm ukusuka kwisiqhamo uze usifudusele kwigumbi lokugcina elomileyo okanye eshedini enamaqondo obushushu aphakathi kwe 18°C kunye nama 20°C ukuze sinyangwe ukuqinisa amaxolo. Kungavunwa kangangeveki ezimbini ukuya kwezintathu kwintsimi enye.

Ukugcinwa

Xa sele zinyangiwe, amathanga kunye ne Hubbard zingagcinwa zikhuselekile ukufikelela kwii nyanga ezintathu kwi 10°C kunye nama 60% ukuya kuma 70% omoya opholileyo. Ezinye iindidi zingahlala elugcinweni ixesha elide kunezinye, ngoko ke funa iingcebiso kwi extension officer yakho nakubathengi. Kuhlala kuyingozi kwaye kulixabiso ukugcina imveliso ngethemba lokuyithengisa ngexabiso elingcono. Uninzi lwabavelisi lulimela ukuthengisa kanye emva kokuvuna.

Izonakalisi

Iintwala, Bollworm, Ladybirds, Imisundululu Engqukuva kunye ne Pumpkin fly.

Izifo

iDowney Mildew, Fruit rot, Leaf spot, Mosaic Virus, kunye ne Powdery Mildew.

Translated by Zizipho Silwana