Ukutyalwa kwe Tapile
Ukwandisa
Ukwandisa kwetapile kwenziwa ngembewu yetapile okanye ngokutyala amagaqa.
Indlela Yokutyalwa
Zingatyalwa ngesandla okanye ngomatshini wokutyala. Tyala imbewu yee tapile okanye amagaqa kumhlaba ongama 150mm ubunzulu. Xa sele izityalo zikhule zaba ngama 25-30 c ubude izityalo zingacukaniselwa umhlaba ukuze kukhuselwe isiqu ekutshisweni lilanga kunye namagaqa angaphantsi komhlaba kwizitshabalalisi.
Ukucukanisa umhlaba kuxa umhlaba ongqonge izityalo eziselula zetapile usetyenziswa ukwakha isicukanisa okanye ingqumba apho amagaqa angakhula khona. Oku kungenziswa ngemitshini okanye ngesandla.
Uqelelaniso
Izityalo kufuneka ziqelelaniswe kangaka ngama 20cm ukuya kuma 30cm kwimiqolo engama 80 cm ukuya kuma 100 cm ukuqelelan.
Ixesha Lokutyala
Kwii ngigqi ezingena qabaka iitapile zingatyalwa ukuqala kwenyanga ka Agasti ukuya ekuqaleni kwekwa Juni kunyaka olandelayo. Kwii ngqingqi apho iqabaka ininzi khona, ukutyalwa kungcono kubekelwe iinyanga zika Agasti ukuya kweka Disemba ukuya ekuqaleni kweka Januwayi.
Isithuba Sokukhula
110 ukuya kuma 150 eentsuku ukusuka ngosuku lokutyalwa.
Ukuchumisa
Xa utyala galela malunga nama 1000 kg we 2:3:4 (30). Galela emacaleni emiqolo. Kwiiveki ezi ntandathu emva kokutyala galela ama 500 kg we LAN. Zininzi izichumiso ezingenakhemikhali ezisebenza kakuhle neetapile.
Ukunkcenkceshela
Umhlaba kufuneka ubemanzana xakutyalwa ungabimanzi. Nkcenkceshela kabini ngeveki. Galela phakathi kwama 30 mm kunye nama 40 mm amanzi ngeveki. Ukuba amaqondo obushushu aphezulu kwaye imihlaba eyisanti yoma msinya esi sibalo singonyuswa siye kuma 60mm ngeveki, kwimijikelo yokunkcenkceshela emithathu. Qala ukunciphisa ukunkcenkceshela xa izityalo ziqala ukufa, ngethuba kusondela ukuvunwa.
Translated by
Zizipho Silwana