Itapile

© Louise Brodie

Igama le Sayensi: solanum tuberosum
Igama eliqhelekileyo: Itapile

Inkcazelo ngeSityalo

Esi sityalo sinamagqabi angalinganiyo phezu komhlaba angatyiwayo. Ngamagaqa aphantsi komhlaba ayeyona ndawo ityiwayo kwesi sityalo. Lamagaqa abuku rawndi amanye aovali ukumilla.

Imisebenzi

Xa etyiwa ephekiwe njengomthombo we khabohaydrethi. Akwacocwa kwimveliso yotywala obu babayo (spirit). Afakwa emkhenkceni ukuze kwenziwe itshipsi ezigcadiweyo. Isitatshi setapile sisetyenziswa kushishino lokutya njenge sijiyisi (thickener). Kwaye likwasetyenziswa njengembewu eligaqa ukwenzela isityalo somjikelo olandelayo.

Izidingo Zomhlaba kunye Namalungiselelo

Kungcono ityalwe kumhlaba ofunxekileyo. Umhlaba ongena kakuhle umoya nokwaziyo ukugcina amanzi, ochume kakhulu. Imihlaba eyi santi emanzi yeyona ingcono. Umhlaba oludongwe kakhulu ungadala iingxaki. ipH ephezulu iphuhlisa ukwandwa kwamaxolo.
Vunguza umhlaba kangaka ngama 500mm uze uwuqhekeze ukuba ucukene okanye upakishene. Emva koko vula ama 300 mm ngaphezulu uqinisekise ukuba umhlaba uyeke-yeke ngokwaneleyo kwaye isityalo kunye nentsalela zokhula zisusiwe emhlabeni. Umhlaba kufuneka ubemanzi ngelithuba. Okokugqibela hlakula kangaka ngama 150mm ukuqinisekisa ukuba indawo yokutyala iyeke-yeke ukuze kutyalwe iimbewu yee tapile.

Imozulu

Esi sisityalo semozulu epholileyo. Sivelisa isivuno esikhulu esisemgangathweni kwii ngingqi ezinamaqondo apholileyo kunye nemini ende ngethuba sisakhula. Uxinzelelo lwezifo, izitshabalalisi kunye namanzi yeyona miqobo ngethuba iitapile zikhula. Ayenzi kakuhle kumaqondo obushushu angaphezu kwama 28°C.

Iindidi zee Tapile

Iindidi zesisityalo ezixhaphakileyo zezi: BP1, Up-to-Date, Vanderplank, Buffelspoort, Astrid, Hoëvelder kunye ne Mnandi. Kuba isisityalo esi baluleke ngoluhlobo uninzi lophuhliso lwendidi zaso luye luveliswa. Sele zininzi iindiid zetapile ezikhoyo.

Translated by Zizipho Silwana