Ulawulo Lwesityalo Setapile
Ukuvunwa
Vuna iitapile xa isityalo sele sifile tuu. Oku kungenziwa ngesandla okanye nge folokhwe okanye ngomtshini wokuvuna. Umhlaba kufuneka ubemanzana xa kuvunwa.
Isivuno - iitoni kwi hekthare nganye
Ngokwesiqhelo: 15 iitoni
Phakathi: 30 iitoni
Esihle: 40+ iitoni
Ukugcinwa
Ukuba umhlaba womile ngoko ke iitapile zingahlala ixeshana emhlabeni. Akufunekanga kunkcenkceshelwe okanye kunethe. Ukuba umhlaba umanzi zonke iitapile kufuneka zivunwe kwangoko. Xa sele zivuniwe kufuneka zisuswe elangeni zize zicocwe zipakishwe kwindawo emnyama, epholileyo kwaye eyomileyo.
Izitshabalalisi
Izitshabalalisi ezixhaphakileyo kwiitapile zii Thrips, umbungu wetapile,iintwala zeetapile kunye nemibungu etya iingcambu.
Izifo
Izifo ezixhaphakileyo kwii tapile zii Downy mildew, amabala amfusa, ukungunda kwamgqabi, ukungunda okumnyama, ukubola okuthambisayo kunye nokubola kwamagaqa.
Translated by
Zizipho Silwana