Ukutyalwa kwe Khaphetshu

© Louise Brodie

Ukwandisa
Iqala ngembewu

Indlela Yokutyala

Kungahlwayelwa imbewu okanye kutyalwe izithole. Umhlaba kufuneka ucocwe kwaye uhlakulwe kakhulu ubenobunzulu obumalunga nama 450 to 600 mm kwisithuba senyanga phambi kokutyala. Umhlaba kufuneka uqhunyiselwe ukuze kufe imibungu yee ngcambu phambi kokutyala; ukuba sikhona isidingo. Malunga ne 50% yezidingo zezinongo zizakugalelwa kanye phambi kokutyala zihlakulwe ngegaba ukuze kucocwe umhlaba kulungiselelwe nokutyala.

Uqelelaniso

Ukuze kukhule izityalo ezineentloko ezinkulu, izityalo kufuneka ziqelelaniswe kangange 400 mm ngemiqolo eqelelene nge 700 mm. Oku kulingana nezityalo ezibalelwa kuma 40 000 ukuya kuma 50 000 kwi hekthare nganye. Ukuze kukhule iintloko eziphakathi, izityalo kufuneka ziqelelaniswe kangange 300mm kwimiqolo eqelelene kangangama 500 mm. Oku kulingana nesibalo esimalunga nama 60 000 ukuya kuma 65 000 ezityalo nge hekthare nganye.

Ixesha Lokuhlwayella

Hlwayela imbewu kwiitreyo zokuhlwayela (indlu yezityalo) nangeliphi ixesha enyakeni.

Ixesha Lokutyala

Izithole zityalwa emva kwentsuku ezimalunga nama 30 emva koku hlwayela; xa izithole zimalunga ne 100 mm ubude. Ikhaphetshu ingatyalwa unyaka wonke eMzantsi Afrika; ngaphandle kwee ngingqi eziba nengqele engamandla okanye ezishushu kakhulu.

Ixesha Lokukhula

100 ukuya kuma 120 eentsuku emva kokutyalwa days.

Ukuchumisa

Ukwazi ngezidingo zesondlo, uhlolo lomhlaba kufuneka lwenziwe. Ikhaphetshu itya kakhulu kwaye ukusebenzisa isichumiso sesiqhelo kunye nemanyolo kunye okanye nomgquba kunganika iziphumo ezihle. Izichumiso zendalo zingasetyenziswa.

Ingcebiso jikelele: Phambi kokutyala , hlakula nge diski kubuncinane obungama 1000kg we 2:3:4 (27) ukuqinisekisa ukuba izityalo zifumana isiqalo esilungileyo.
Four Weeks after planting – 350kg LAN per hectare
Ze ugalele inaytrojini ngaphezulu kwimiqolo yezityalo.
Kwiveki ezimbini emva kokutyala – 250 kg LAN kwi hekthare nganye

Iiveki ezintandathu emva kokutyala – 500kg LAN kwi hekthare nganye
Sukugalela isichumiso kade kuba oku kungadala iintloko eziqhekekayo okanye ezimile kakubi.

Ukunkcenkceshela

Nkcenkceshela izithole kanye ngemini ngenyanga ezipholileyo, kabini ngemini kwiinyanga ezifudumeleyo de zibe zikulungele ukuvunwa.
Nkcenkceshela uze umanzise indawo ezakunkcenkceshelwa ukuze izithole zityalwe kumhlaba omanzi.
Zisakutyalwa nkcenkceshela ngoko nangoko ukuze izityalo zizinze kwindawo yazo entsha. Emva koko nkcenkceshela phakathi kwama 30 kunye nama 40mm amanzi ngeveki kuxhomekeke kumaqondo obushushu kunye nendidi yomhlaba.

Translated by Zizipho Silwana