iKhaphetshu

© Louise Brodie

Igama le Sayensi: Beta vulgaris var. cicla
Igama eliqhelekileyo: Cabbage

Inkcazelo Ngesityalo

Amagqabi aluhlaza ajikeleze isiqu esifutshane, enza ibhola okanye intloko. Linendlela eyohlukileyo yeengcambu. Iingcambu zikhula kwisiqu okanye kwilungu lamagqabi. Ingcambu azikhuli ngaphantsi.

Imisebenzi

Ingaphekwa okanye ityiwe iluhlaza njengomxube we saladi. Isityalo sonke siyatyeka.

Izidingo Zomhlaba Kunye Namalungiselelo

Ikhaphetshu ingakhuliswa kwindidi ezahlukileyo zomhlaba, kodwa ichuma kakhulu kumhlaba ongenamanzi, okwaziyo ukugcina amanzi nozele zizinongo zomhlaba zendalo. Alikhuli kakuhle kwimihlaba ezele yi aside.
Umhlaba olungileyo ubane pH eqala kwi 5.5 ukuya kwi 6.5. Akufunekanga uvunyelwe wehlele ngaphantsi kwe 4.5. Kwimihlaba ene pH engaphezu kwe 6.5 amagqabi abamnyama kodwa amagqabi ayafa emacaleni. Izityalo ezikwimihlaba ezele yituwa akwa hlaselwa lula sisifo se blackleg.

Imozulu

Likhula kakuhle kwimozulu epholileyo nefumileyo. Amagqabi abhengebhenge kwaye umgangatho wentloko umila kakubi kwimozulu ezomileyo. Incasa emnandi nayo iyaphela phantsi kwezimeko. Isivuno kunye nomgangatho ubasezantsi ehlotyeni kwaye kukwanzma nokulawula izitshabalalisi ezizinambuzane.
Amaqondo angawona alungileyo ukuze ikhule kakuhle aqala ku 18°C ukuya kuma 20°C. Iyanyamezela kwiqabaka kwaye ingamelana namaqondo angaphantsi kangange -3°C ngaphandle kokonakaliseka. Ikhaphetshu liyakwazi ukumelana nemo zezulu ezahlukeneyo kwaye ingakhuliswa unyaka wonke kwii ngingqi ezininzi.

Ubude Bosuku

Ingakhuliswa unyaka wonke, kodwa umgangatho uyachaphazeleka kwimozulu eyomileyo, nefudumele kakhulu.

Iindidi Zayo

Iindidi ezininzi zekhaphetshu zohlulwa nge conical okanye sugarloaf-headed, ballheaded and drum-headed lamagama athiywa ngokwendlela intloko yawo imile ngayo. Iindidi zamaxesha athile ziloluhlobo:
Kwindla ne Ntwasahlobo – Conquestador kunye neGladiator
Ntwasahlobo kunye nase kupheleni kwe hlobo– Tenacity kunye ne Conquestador
Ekupheleni kwe hlobo – Hercules, Drumhead kunye ne Grand Slam
Ekupheleni kwehlobo ukuya kweyoKwindla - Megaton
Zingohlulwa hlulwa nangemibala okanye umjikelo ezikhula ngawo. Amagqabi angaba luhlaza okanye abebomvu abemtyibilizi okanye ashwabane. Iindidi ye savoy iyakwazi ukumelana nengqele kwaye inamagqabi ashwabene kakhulu aluhlaza ocacileyo.

Translated by Zizipho Silwana