
Ulawulo Lwesityalo Sekhaphetshu
Ukutshintshwa Kwesityalo 
Yitshintshe ngee mbotyi kunye nezinye izityalo ezilungisa inaytrojini, kuba ikhaphetshu lifunxa kakhulu inaytrojini. Yitshintsha-tshintshe ngezityalo ezingahlobenanga ukulwa nokupakishana kwezitshabalalisi ezifanayo.
Isivuno - Iitoni kwi hekthare nganye
Ngokwesiqhelo: 30 iitoni
Phakathana: 45 iitoni
Esilungileyo: 65 ukuya kuma 80+ weetoni
Ukuvunwa 
Ukuvunwa kwe khaphetshu ukuze lithengiswe kuqhele ukwenziwa ngesandla okanye ngemela okanye nge rhenqe ukuze kungonakaliseki iintloko. Xa kuvunelwa ukuba zizakutshintshwa, zivunwa ngemitshini. Xa zivunelwa ukugcinwa isiqu kufuneka sisikwe sibeside namagqabi angaphandle ayekwe ukuze likhuseleke.
Ukugcinwa 
Livamise ukugcinwa kwi degree centigrade enye.
Izifo Nezitshabalalisi 
Ukuze ufumane iingcebiso ezilungileyo kucetyiswa ukuba ufune ingcebiso kumphathi wengingqi ojongene nezolimo okanye nosolwazi weshishini elithengisa iikhemikhali.
Izitshabalalisi  
Ezona zitshabalalisi zixhaphakileyo zifumaneka kwikhaphetshu zi American bollworm, aphids, diamondback moth kunye nombungu we khaphetshu.
Izifo
Ezona zifo zixhaphakileyo zii Blackleg, black rot, downy mildew, cubroot, soft rot kunye ne Sclerotinia rot.
Translated by 
Zizipho Silwana