Ukutyalwa ko Mnqathe

© Louise Brodie

Ukwandisa

Isityalo sandiswa ngembewu kwaye iminqathe ayinakufuduswa ityalwe kwenye indawo.

Indlela Yokutyala

Imbewu yomnqathe ityalwa ngqo esitiyeni kumhlaba onyusiweyo. Ukutyala ngokwemiqolo kungcono kunokusasaza imbequ. Ubunzulu bomngxuma kufanele ubengama 25mm ukuya kuma 40 mm kwisanti evunguvungu, elula. Umnguma wokutyala kufuneka ubeli 10mm ukuya kuma 40 mm kwimihlaba edibeneyo kunye nakwii nyanga ezibandayo. Umhlaba onzulwana uyakhuthazwa ehlotyeni xa umhlaba ukhawuleza ukoma. Hlwayela kumhlaba ofumileyo uze ugcine umhlaba ufumile.

Uqelelaniso

Izityalo kufanele ziqelelaniswe kangaka ngama 20cm kwimiqolo engama 40cm ukuya kuma 50cm ukuqelelana. Ukuxinana kwama 150 ukuya kuma 200 ezityalo kwi m² ngasinye.

Ixesha Lokulima

Iminqathe ingalinywa kwinyanga ezininzi zonyaka ukuba amaqondo obushushu alungele ukukhula oku kuko. Kodwa ngokwesiqhelo ibangenyanga ka Agasti kunye neka Februwari ukuya ku Epreli.

Ixesha Lokutyala

Iminqathe ayinakufuduselwa kwenye indawo xa sele ityaliwe.

Ixesha Lokukhula

100 ukuba kuma 120 eentsuku

Ukuchumisa

Iingcebiso ngesichumiso kufanele zixhomekeke kuhlolo lomhlaba. Njengomkhomba ndlela jikelele, Umxube wesichmiso ongama 150 kg/ha womlinganiselo we 2:3:4 (24) kufuneka ugalelwe kuma 20cm omhlaba ongaphezulu phambi kokutyala. Ipotaziya, kufuneka igalelwe kwisine iphindwe kwakhona kwisibhozo seeveki emba kokutyalwa. Ilimestone ammonium nitrate ekwizinga le 100 ukuya kuma 200 kg/ha kufuneka igalelwe ngaphezulu malunga neeveki ezintandathu emva kokutyala.

Ukunkcenkceshela

Xa imbewu isaqala ukuhlwayelwa qinisekisa ukuba umhlaba uhlala umanzi. Oku kungadinga ukuba kunkcenkceshelwe yonke imihla. Kwimozulu ezipholileyo nkcenkceshela ama 25 ukuya kuma 30 mm amanzi ngeveki, rhoqo ukuqinisekisa ukuba umhlaba uhlala umanzi. Kwii ngingqi ezifudumeleyo umhlaba ungadinga amanzi okunkcenkceshela afikelea kuma 50mm ngeveki.

Translated by Zizipho Silwana