Ulawulo Lwesityalo Somnqathe
Ukutshintshwa Kwesityalo
Kucetyiswa ukuba kutshintshwe izityalo kumhlaba apho iminqathe ibiveliswa khona rhoqo ukunciphisa amathuba ezitshabalalisi ezivela emhlabeni kunye nezifo. Iitapile, iikhaphetshu, ilethasi, ithanga kunye netamati. Ukuphucula amazinga ezongo zomhlaba, tshintsha-tshintsha kunye nezityalo ezifana neembotyi.
Isivuno - iitoni kwii hekthare nganye
Ngokwesiqhelo: 20 iitoni
Phakathi: 30 iitoni
Esihle: 40+ iitoni
Ukuvunwa
Vuna iminqathe kwiiveki ezingama 12 ukuya kuma 14 emva kokutyala, oku kukwaxhomekeke kwindidi etyaliweyo kunye namaqondo obushushu ngeloxhesha lokukhula. Vuna ngesandla okanye zingavunwa ngemitshini. Vuna xa umhlaba ufumile. Vuna iminqathe xa sele zikhule ngokugqibeleleoy (malunga ne 20mm ububanzi). Ukuze kwande ixesha lazo lokugcinwa beka iminqathe kwindawo enomthunzi epholileyo emva kokuvunwa.
Ukugcinwa
Kungcono kuvunwe iminqathe edingwayo ezokutyiwa okanye ithengiswe. Susa amagqabi phambi kokuyigcina, ukuze wandise ixesha layo kuhlala. Iminqathe elungileyo, evunwe xa igqibile ukukhula, ihlala intsuku ezifikelela kwisihlani kumaqondo aphantsi (20°C), ze ibezintsuku ezisi 7 — 21 kwigumi elibandayo okanye kwisi khenkcezisi.
Izitshabalalisi
Imibungu yee ngcambu,imibundane, umbungu, plusia looper kunye ne mpukane yomnqathe.
Izifo
Isifo sokungunda kwamagqabi, Intsholongwane etya amagqabi kunye nokubola okubangathi lilaphu.
Translated by Zizipho Silwana