Umnqathe

© Louise Brodie
Igama le sayensi: Daucus carota L.
Igama eliqhelekileyo: Umnqathe

Inkcazelo Yesityalo

Isityalo esime nqo esikhula kabini ngamaxesha athile, nesityiwa ingcambu.

Imisebenzi

Utyiwa uluhlaza okanye uphekiwe kwaye ungenziwe nejusi.

Izidingo Zomhlaba kunye Namalungiselelo

Umhlaba onzulu, oyeke-yeke, ofunxekileyo, oyisanti eludaka. Lungisa umhlaba ubunzulu obungama 600mm kwaye ukutyala kwizidulana kuluncedo. IpH engundoqo iphakathi kwe 5,0 ukuya kwi 6,0. Hlola unyange imibungu yeengcambu ukuba kukho isidingo. Inkqubo yokutshintshwa kwesityalo iyakhuthazwa apho iminqathe ityalwa rhoqo. Chumisa umhlaba phambi kokutyala ngokugalela isichumiso sokuqala kwi 15cm yomhlaba ongaphezulu kulendawo yokutyala.

Imozulu

Iminqathe zizityalo zexesha elipholileyo kwaye ingamelana neqabaka ephakathana kwaye iyakwazi nokumelana namaqondo obushushu angama 28°C nangaphezulu. Ukuhlala ithuba elide kumaqondo angaphantsi kwe 5°C okanye ngaphezu kwama 30°C ayathintela ukukhula kwengcambu etyiwayo. Amaqondo angundoqo ngali 15 ukuya kuma 20°C.

Iindidi Zayo

Nantes, Cape Market, Danvers, Fancy, Chantenay, Ideal Red, Kuroda

Translated by Zizipho Silwana