Ukutyala iThyme

Usasazo

©Louise Brodie
Usasazo lwenzeka kwimbewu kodwa ithyme ingasasazwa ngoku tyala okusikiweyo okanye ngokwahlula isityalo esele sintshulile siphinde sityalwe ngaphandle.

Indlela Yokutyala

Ukufaka imbewu ngqo kwisityalo kwisilimo esikhulu kuye kwenziwe ngoo matshini. Xa kutyala abathengisi, bona ke bavame ukutyala izithole ze thyme zabaveliswa kwi greenhouse. Kunikeza lowo utyalileyo ulawulo lwesityalo, ubunzulu kunye nokufana. Imbewu ye thyme ityalwa kwitreyi yezithole ezinobunzulu obungu 6 mm ukuya ezantsi. Xa imbewu sele idubulile kwaye sele kukhule izithole ezomeleleyo, ziyakhutshwa ze zityalwe emasini/egadini.

Ukuqelelana

Izityalo ze thyme kufuneka ziqelelane ngama 20 cm kwimiqolo engama 50 cm ukuqelelana. Esi sisitendi sezityalo ezingama 80 000 nge hektare. Imiqolo eyenziwe yiganda ganda yenzelwe abaphetheyo bakwazi ukujonga kunye nabavuni.

Ixesha loku Hlwayela

Ukuhlwayela ithyme ngqo kwenziwa entsimini ekwindla. E-Mzantsi Afrika oku kwenzeka ekupheleni kwenyanga ka March okanye ekuqaleni kwenyanga ka April kwaye kuqinisekisa kokuba izithole ziyakhula phambi kobusika, ukuze entwasahlobo zibe sele zomelele kwaye zizinzile.
Hlwayela imbewu ngeetreyi zembewu kwindawo ekhuselekileyo okanye kwindlu eluhlaza (greenhouse) kwinyanga ka June nasekuqaleni kwentwasa hlobo, apho izithole ze thyme ziye zibe sele zomelele ngokwaneleyo ukuba zikhutshwe zityalwe entsimini okanye egadini. Izithole ziye zomelele ngokwaneleyo okokuba zityalwe kwiveki ezisibhozo emveni kokutyala imbewu ye thyme.

Ixesha loku Tyala

Tyala izithole ze thyme ekuqaleni kwentwasa hlobo. Kweli lo Mzantsi Afrika izithole mazityalwe ekupheleni kwenyanga ka August ukuya ekuqaleni kwenyanga ka September emveni kweqabaka nombethe wokugqibela.

Ixesha loku Khula

Iiveki ezisibhozo kwi greenhouse zivelisa izithole ze thyme ezomeleleyo esele zilungele ukutyalwa egadini okanye entsimini. Kwimveliso ye thyeme esentsha, abanye abavelisi baqala ukuvuna amagqabi amatsha kwiveki ezilishumi nambini ukususela ngexesha izithole bezikhutshwe ngalo. Emveni koko isivuno sesibini singavunwa phambi kokwindla.
Unyaka wesibini wokuvuna uzakuvelisa isivuno esikhulu. Izityalo ze thyme zingavunwa iminyaka emine ukuya kwemihlanu xa ziphethwe kakuhle. Izityalo ze thyme ziyoma zibhitye xasele ziqalisa ukuba ndala, yiyo lonto ucetyiswa okokuba izityalo zitshintshwe rhoqo kunyaka wesine ukuya kowesihlanu.

Izichumisi

Ityhme ayidingi zichumisi ezininzi. Phambi kokutyala, kufuneka uthathe umhlaba omncinci oyisampule, ze uthunyelwe kwabawuhlolayo. Konke oko kuzakuthi kuchaze uhlobo lomhlaba kunye nezidingo zesondlo sesivuno esizakutyalwa.
Isikhokhelo nje, ezingcebiso zilandelayo zingathi zesetyenziswe xa umhlaba ungahlolwanga. Qala ngokufaka ama 250 kg we 3:1:5 ungasasazwa ufakwengaphezulu komhlaba ngama 20 cm walomhlaba phambi kokutyala izithole. Konke oku kunikeza izithole ezintsha ze thyme ithuba lokuba zizikhulele. Kwinyanga zokuqala ezilishumi elinambini, kubalulekile ukugcina izityalo zikhula, ukuphinda ufake kabini umlinganiselo we 200 kg we 3:1:5 ungafakwa kwimiqolo yezityalo, enye ngo December kwakhona ngo March. Kuyacetyiswa okokuba uchumise rhoqo emveni kokuvuna.

Ukunkcenkceshela

Isityalo se thyme somelele kwaye asidingi amanzi amaninzi. Xa ityalwe ngaphandle kwendlela enkcenkceshela oko, imvula engama 500 mm kwithuba lonyaka ingonela. Ukufaka izixhobo zokunkcenkceshela kuya wonyusa umyinge wesivuno. Izinkcenkcesheli ezingaphezulu okanye ezivuzayo zilungile kodwa qaphela ungankcenkcesheli kakhulu kuba oku kwenza izifo zokubola kwezikhondo kwaye kwehlisa ukusebenza kwe oli ebalulekileyo efumaneka kwisityalo.
Kuxhomekeke kuhlobo lomhlaba nesimo sezulu, ubuninzi bamanzi ankcenkcesheliweyo buyehluka kwintsimi nganye. Umlinganiselo oqhelekileyo uphakathi kwama 20 ukuya kuma 25 mm ngeveki kwinyaka zasehlotyeni ezishushu, ze zehle ngenyanga ezipholileyo okanye ezinethayo enyakeni. Musa ukunkcenkceshela kwiveki yokugqibela phambi kokuvuna, kodwa nkcenkceshela ngoku khawuleza emveni kokuvuna ukuze umhlaba ubuyele kumazinga okufuma alungileyo, ukuze ungafumani uxinzelelo. Kuyacetyiswa ukufakela izixhobo ezijongana nokufuma ukuze umhlaba uhlale ujongiwe ukuqinisekisa usempilweni.

Translated by Zikhona Plaatjie