I-Thyme ngoku Phangaleleyo

© Louise Brodie

Igama lesayensi: Thymus Vulgaris
Igama eliqhelekileyo: Thyme

Ithyme isuka kwicala lase Asia, Southern Europe kunye ne Mediterranean North Africa.

Inkcazelo nge Sityalo

Ithyme sisityalo esomeleleyo, esingapheliyo esikhula de sibe bubude obungama 350 mm. Esi sityalo sivelisa amahlahla amaninzi emacaleni, enza ihlathi. Amagqabi wayo Ambala uluhlaza-mdaka kwaye ozikisileyo, ime okwebhola yombhoxo kwaye ifukufuku kancinci. Izityalo eziphuma ekupheleni kwamagqabi amahlahla angumbala omfusa kodwa ongagqibelelanga.

Imisebenzi

Ithyme esentsha neyomileyo isetyenziswa ekuphekeni ukunikeza incasa. Ilinywa ngenjongo yokunikeza ii-oli ezibalulekileyo. Kwi kilogram ye thyme esentsha ethe yadidiyelwa, umlinganiselo we 8 ukuya ku 10 milillitres yee oli evelisiweyo. Le oli ebalulekileyo isetyenziswa emayezeni njenge yeza lomqala obuhlungu nokulawula uxinzelelo lwegazi kunye nesifo seswekile.

Iimfuneko Zomhlaba kunye Nokuwulungisa

Ithyme ikhula kakuhle kumhlaba ongena ongekho rhabaxa, onesanti one pH ephakathi ko 6.0 kunye no 7.5. Phambi kokulungisa umhlaba kuye kuthathwe isampule yalomhlaba usiwe elaboratory ukuze uhlolwe kujongwe nezondlo. Ithyme iinengcambu ezisezantsi kwaye iingcambu zayo zinzulu ngapha ko 400 mm. umhlaba kufuneka uqhaqhwe ukuze kuvele uhlobo lomhlaba kuba libengu 400 mm ukuze ukwazi ukuhluza.
Lungisa amazinga we pH ngoko ngeza ilamuni emhlabeni xa umhlaba une asidi, wongeze umgquba okanye isichumisi. Khofolela kumhlaba ongaphezulu ongama 300 kwiveki ezine ukuya kwezintlanu phambi kokutyala. Kwintsuku zokugqibela phambi kokutyala. Kwintsuku zokugqibela phambi kokutyala yongeza iikhemikhali zomzuzwana ‘trace elements’ kunye nesichumisi esifakwa phambi kokuba kutyalwe emhlabeni kunye neganda ganda kuma 20 cm womhlaba ongaphezulu. Oku kuye kucoce ukhula oluthe lakhula. Faka izinkcenkcesheli, ze utyale izithole ze thyme emveni koko.

Isimo se Zulu

Ithyme sisityalo esomeleleyo eziphantse sambala uhlaza esikhula kwindawo ezomileyo kwisimo sezulu esishushu kwi Mediterranean kwaye sikhula ngcono kubushushu obuphakathi kwama 20℃ kunye nama 30℃. Iyanyamezela umkhenkce xasele ityaliwe de yamila. Ubushushu bomhlaba kufuneka bube ngapha ko 16℃ ukuze idubule. Ithyme ingalinywa kwisimo sezulu apho kukho ama 500 mm emvula ukuya ekupheleni konyaka.

Izilimo

Zintathu iindidi ze thyme eziveliselwa ukuthengiswa: Citriodorus, Zygis kunye ne Varico. Ithyme eqhelekileyo isetyenziswa kakhulu ekuphekeni. I-Citriodorus inevumba elinamandla le orenji okanye citrus. I-Zygis isetyenziswa kakhulu kwimveliso yee oli ezibalulekileyo. I-Varico nayo yeye oli, ivelisa ezininzi kakhulu.

Kukho iintlobo ezingapha kwama 200, xa ukhetha okokuba utyale ntoni kungcono ukufumana ingcebiso yalowo ukufuphi osebenza ngezityalo kunye nosebenza ngembewu ukuze ufumane iintlobo ezohlukileyo kwindawo yemveliso nokufumana uncedo kunye nabo ubathengiselwayo.

Translated by Zikhona Plaatjie