uKutya iPearl Millet

iPearl Millet, yingqolowa enga khathalelwanga, kodwa enezakha mzimba ezimangalisayo ekhuliswa ngamafama alimela ukondla iintsapho zawo kwimimandla enee lali eMzantsi Afrika. Iinkozo zityiwa ngabantu, logama izilwanyana zisonwabela amahlahla ahlaza ayokozelayo kunye neentanga ngokunjalo.

Ityiwa njani iPearl Millet

iPearl Millet yi papa enezakha mzimba eziphezulu kwi zinc, vitamins B no A. inomlinganiselo we iron ophinda phindwe kathathu, nomlinganiselo we calcium ophinda phindwe kahlanu kuno mbona kwaye ikwanayo ne potassium, phosphorus, magnesium, zinc, copper, kunye ne i. Ingqolowa ye pearl millet iphezulu kumafutha nakwi protein engu 9% kunezinye ipapa ezine ngqolowa. Xa ekutyiswa ngenjongo yokujonga uncedo lwayo e-India, iPearl Millet iyabonakala okokuba yeyona inezakha mzimba kune rayisi nengqolowa.
Umgubo we flawa uye uveliswe kwi millet ngendlela ezimbini. Ingqolowa iye igutywe kuqala ngamanzi ukuze ibeyintlama, ze yomiswe iphinde igutywe ukuze ibengu mgubo we flawa. Lomgubo usetyenziswa ekwenzeni ipapa okanye isetyenziswe njenge sinongo xa kuphekwe ukutya kwesintu okufana ne kosikosi okanye imibhako. e-India, umgubo we pearl millet usetyenziselwa ukwenza isonka esimuncu okanye esingaqholwanga esibizwa ngokuba yi chapati. Iinkozo ziyaqhotswa njengama qhashu (sinencasa etshisiweyo) iintloko zeendawo eziluhlaza ziyaqhotswa zityiwe njengemifuno kwezinye iindawo.
iMillet isetyenziswa njenge mbewu xa kudidiyelwa isiselo esinxilisayo, ibhiya. Xa kudidiyelwa, ingqolowa ye millet edubulileyo yayokuma ku 25 mm, iye itshintshe istatshi sibeyi swekile. Ingqolowa edubulileyo iye yomiswe elangeni igutywe ibengum grayo we flawa. Lomgubo uye udityaniswe namanzi uyekwe udidiyeleke ukuze kwenziwe ibhiya. iPearl Millet ingadidiyelwa endaweni yamabele xa kudidiyelwa umqombothi kodwa ubuncinci beenkozo yingxaki xa kudidiyelwa kakhulu.

iPearl Millet Njengokutya Kwezi Lwanyane

iPearl Millet ikulungele ukusetyenziswa njengokutya okuhlaza okuyi mifuno njengoko ikhawuleza ukukhula, inamagqabi amahle, inganqunyulwa kaninzi kwaye idubula ngoku khululekileyo. Ukudubula, kuku khula kwendawo ezivelisa intloko yengqolowa.
Kumadlelo ePearl Millet imfuyo ingafakwa xa ibubude obuphakathi ko 40 ukuya ku 50 cm (ukusukela kuma 40 ukuya kuma 50 wentsuku emveni kokutyalwa), kodwa zingatyiwa zibengaphantsi kwe 15- 30 cm. amadlelo aphumla iiveki ezintlanu phambi kokuba kuphinde kungeniswe imfuyo. Apho komileyo khona, iphakathi ko 0.25-3 t/ha (kubushushu bendawo ezomileyo) ukuya ku 27 t/ha naku 40 t/ha, kwimeko ezilungileyo.
Xa utyisa izilwanyane umgubo wengqolowa ipearl millet, kufuneka ucolisiseke. Umgrayo ungenza iindawo eziqinileyo zisaphalake, kwaye zenze izilwanyane zisikeke ngaphathi ingakumbi iinkomo neehagu. Kwinkomo, umgubo we pearl millet uvela ungaphezulu kumazimba kodwa ungaphatsi kombona ngesondlo. Ipearl millet ungagutywanga inganikeza izikhukukazi ezihlaliyo logama iihagu ezinikezwa ipearl millet zifunyaniswe zifikelela kubunzima bokulungela ukuxhelwa ngentsuku ezilishumi ngaphambi kwexesha.

Translated by Zikhona Plaatjie