Ukunkonkxwa kwe Ziqhamo Kunye ne Mifuno

©Glenneis Kriel

Umpheki wom French, umbhaki kunye nomdidiyeli, uNicolas-Francois Appert, uthathwa njengomqambi wokunkonkxa. Oku kulandela emva kokuba weza necebo lokugcina ukutya kwinkonkxa ezingangeni moya. Lo ka Appert weza necebo lokunkonkxa emva kokuba kwakukho iwonga lemali engama 12 000 francs eyayinikiswa ngu Napoleon Bonaparte kuye nabani na onokuza nendlela esebenzayo yokugcina ukutya kulungile, ukulungiselela umkhosi wakhe ngethuba uhamba imigama emide neentsuku ezininzi. 

Ngenxa yokuba kwakungekho buchule be sayensi mayelana nokugcina ukutya ithuba elide kungonakali, nokuthintela iintsholongwane; lo ka Appert kwamthatha uminyaka elishumi elinesine ukuba aze nesisombululo. Uninzi lweenzame zakhe lwalusekelwe ekuhlaziyeni ukutya kwiintsholongwane ngokuthi akubilise ze akugcine kwiinkonkxa okanye kwiizinto ezinganeni moya. 

u-Appert, nowayengafundanga, wavula umzi mveliso wokuqala wokunkonkxa iziqham kwindawo yase Massy ngomnyaka ka 1804 waze waphumelela iwonga lika Bonaparte ngomnyaka ka 1810, emva kokupapasha uphando lwakhe kwe Le Livre de tous les Menages, ou l’Art de Conserver Pendant Plesieurs Annees Toutes les Substances Animales et Vegetables (Ubuchule Bokugcina Izilwanyana kunye neMifuno Iminyaka Eliqela).

Ngalo maxesha kwakuthatha iiyure ezintlanu ukucoca imveliso neyayifakwa kwiibhotile zegilasi, ze zivalwe zingaqiniswa, zandule ukufakwa emanzini ashushu. Ezi bhotile zazivalwa mba ngeziciko ezibizwa nge corks kunye nentlama yekhandlela. 

Lo ka Appert akazange aqondisise ncam ukuba kutheni lendlela yakhe wayeyisebenzia yayithintela ukubola. Isizathu savela emva kwe siqingatha se sentyuri-iminyaka engamashumi amahlanu emva kokuba uLouis Pasteur wafumanisa ubudlelwane phakathi kwee microbes kunye nokubola kokutya. 

EKuqaleni kwakusetyenziswa iinkonkxa zegilasi kuphela ukugcina ukutya, kodwa ezi gilasi zakhawuleza zangenelelwa ziinkonkxa zetoti ngethuba umthengisi wama Ngesi, uPeter Durand ngomnyaka ka 1810, wenza iinkonkxa zetoti; ezenzela oku. Namhlanje, ukunkonkxa kunakho ukugcina ukutya kungonakali kangangesithuba seminyaka engaphaya kwesithathu. Oku kunciphisa ilahleko, kwaye kuvumela abathengi ukuba bonwabele iziqhamo zabo abazithandayo nangaliphi na ixesha enyakeni.

iMakethi Yoku Nkonkxa eHlabathini

©Glenneis Kriel

Ukutyiwa kokutya okunkonkxiweyo kulindeleku kuba kunyuka ngenani eliyi 3.8% ngonyaka ukuze lifikelele kwixabiso eliyi 118 billion USD ngomnyaka ka 2023, ngokuchazwa ngabe Global Canned Food Market – Growth, Trends and Forecast (2018 – 2023). Le makethi inabavelisi abambalwa, nabathengisa imveliso zabo kwihlabathi lonke jikelele. 

Izinto ezixhaphakileyo mvanje kushishino lokunkonkxwa kokutya kukuba iinkampani zizame ukuvavanya ngezinto zokupakisha ukuty, ingakumbi ezi BPA-free. iBPA imele u-Bisphenol A, ikhompawndi eyenziweyo neya yanyaniswa neengxaki zempile kwakunye neengxaki zokuziphatha kwabantwana. 

Ngaphandle koku, osomashishini/abavelisi bokutya okunkonkxiweyo bazama ukuvavanya iindlela ezintsha zokwenza ukutya ukukhawulelana neengxalabo malunga neswekile efumaka kwiziqhamo ezinkonkxiweyo.

Translated by Zizipho Silwana