Ukufa Ngesiqhuphe kweeHagu

©Glenneis Kriel
Xa uthetha namanye amafama afuye iihagu, azakuxelela ukuba iihagu azivamisanga kubonakalisa kwampawu zezifo. Ukufa kweehagu ezininzi ngaxeshanye/ngokulandelelana iba kuphela kwento entama undonakele. Ingxaki kukuba kusenokuba kho izizathu ezahlukeneyo zokufa kwehagu ngaphandle kwesizathu esibonakalayo okanye iimpawu ezigqithileyo zezigulo ezithile. Nto leyo yenza kubaluleke ngeyona ndlela ukuba imbangela yokufa kwehagu yaziwa, ukuthintela enye ilahleko.
Ukuba ungumfama ongekabinalwazi luphangaleleyo, kungcono ubuze ugqirha wezilwanyana okanye ingcali ngezempilo yezilwanyana ukuba ikuncede ufumane imbangela yokufa. Oku kungenziwa ngokwenza uhlolo lomzimba (autopsy) okanye kuthathwe iisampuli zegazi. Ukuphucuka kobuchwepheshe kwenza kubelula ukuqhakamshelana nezingcali/ oogqirha bezilwanyana, ngocingo uze ubathubele nemifanekiso enokunceda ngoluhlolo.
Ukufa ngesiquphe kunokubangelwa kukulimala, ukothuka, ukuma kwentliziyo, porcine stress syndrome izifo okanye amadliso.

Ukuma kwe Ntliziyo

Umkhomba ndlela obhalwe ngumbutho wabavelisi beehagu eMzantsi Afrika (South African Pork Producers Organisation in its production), iPigs for Profit, ichaza ukuma kwentliziyo njengenye yabona nobangela bokubhubha ngesiquphe. Ngokwalo mkhomba ndlela, ukuma kwentliziyo kuvamise ukubangelwa kukuba ethe-ethe kwentliziyo kumantshontsho eehagu aselula okanye isifo sentliziyo kwiihagu esele zikhulile.

I-Porcine Stress Syndrome

iPorcine stress syndrome sisifo ihagu ezalwa naso Esi sifo siye sikhokelele ekubeni iihagu zife ngesiquphe, ngenxa yokuma kwentliziyo kuba ingakwazi ukumelana noxinzelelo olusemzimbeni. Umzekelo, ukuba zixinene kwindawo encinci ihagu ingabulawa bubushushu okanye ngethuba ithuthwa okanye phambi kokuxhelwa. Izilwanyana ezichatshazelwe sesi sifo zithanda ukuba nenyama emhlophe, ethambileyo. Oku ke kungakhokelela kwilahleko yemali. Ukuthintela esi sifo, amafama kufuneka asebenzise iihagu ezingenaso esi sifo, ukwandisa imfuyo yawo.

Isifo

Izifo ezahlukeneyo ezosulelayo kunye nemeko zingakhokelela ekubhubheni ngesiquphe kweehagu. Ezi zifo ziquka iClassical okanye iAfrican Swine Fevers kunye neentsholongwane nezifo ezosulelayo ezibangela septicaemia, acute pneumonia okanye utyatyazo.
Kubalulekile ukufumana uxelengo ngokusesikweni ukuze kufunyanwe oyena nobangela ukuze kuthintelwe enye ilahleko. Uninzi lwezifo ezosulelayo kunye nemeko zingathintelwa ngokhuseleko (biosecurity), ngococeko, ngokondla iihagu ukutya okusempilweni nokunciphisa uxinzelelo lwezilwanyano kangangoko. Lukhona ke nogonyo ukuthintela ezinye zezi zifo, kodwa kufuneka lamachiza agcinwe, aphathwe ngokwemiyalelo ukufumana iziphumo ezi zizo.
Dibana nogqirha wezilwanyana okanye ingcali ngempilo yezilwanyana, malunga namachiza onokuwasebenzisa ekunyangeni ezizifo. Lamachiza asenokuba zii antibiotics okanye ziibulawe ezihagu ukuba akukho machiza akhoyo anokusetyenziswa.

Idliso

Iihagu zingabulawa lidliso; Ukusela amayeza ngokugqithisileyo, ukutya isityalo esinetyhefu okanye xa kukho into enetyhefu emanzini okanye ekutyeni. Ukufumanisa owona nobangela wedliso, amafama acetyiswa ukuba ajonge imbali yeehagu. Bangalenza oluphando ngokuthi bajonge ukuba zeziphi iihagu ezisulelekileyo baze bajonge notshintshi kwindlela yazo yesiqhelo okanye ekutyeni okanye emanzini. Umzekelo, iihagu zisenokubulawa kukutya ityuwa ngokugqithisileyo ukuba zondliwa ngokutya okunetyuwa eninzi.
Kuchongwe ezi zinto zilandelayo njengezona zinobungozi obuyamene nokubhubha kwee hagu ngesiquphe: algae; izityalo ezithile; ityuwa, arsenic; selenium; coal tars; copper; ethylene glycol; herbicides; iron dextran; izibulali zinambuzane ezithile, umlinganiselo ongenguwo kumayeza athile; warfarin kunye neegesi ezinobungozi ezifana ne carbon monoxide kunye ne hydrogen sulphide.
Cela ugqirha wezilwanyana okanye ingcali ngempilo yezilwanyana, ukuba ikuncede ekukhmbeni unobangela wokufa kweehagu zakho uze ususe unobangela ukuthintela enye ilahleko