Souzao

© Silvaspoons

Inkcazelo

Souzão ngumdiliya wokuvelisa iwayin ebomvu, osuka kwingingqi iMinho kuMantla welizwe lase Portugal. Usetyenziswa ukuvelisa iwayini zehlobo lwe port (Duoro Valley) nezi bomvu Vinho Verde (‘iwayini eziselula’) kuMantla e Portugal. iSouzão ikwakhuliswa naseAustralia, eCalifornia, eSpain nase Mzantsi Afrika.

Imvelaphi

Kwela se Portugal

Amanye Amagama

Souzão ikwapelwa njengo ‘Sousao’ okanye iSouson kodwa elona lilungileyo yi Vinhao. Kwingingqi ye Galicia kwelase Spain apho iSouzão ilinywe khona, ibizwa ngokuba yi Tinta Pais. eMzantsi Afrika, lomdiliya ubhaliswe ngokuba yi Souzão. Amanye amagama aquka:Tinto Nacional, iTinto Antigo, iTinto da Parada, iNegrao, iNegrao Pe de Perdiz, iEspadeiro da Tinta, iEspadeiro Basto, Espadeiro Preto kunye ne Pinta Femea.

Imveliso eMzantsi Afrika

iSouzão yafika eMzantsi Afrika ngeminyaka yo 1920 kodwa ligcuntswana nje elingama 44ha elilinywe apha.- Inkoliso yalomdiliya (24ha) ufunameka kwingingqi yase Swartland. Ezona zityalo zidala zalomdiliya- nezatyalwa ngomnyaka ka 1976-zifumaneka kwi fama i Allesverloren eRiebeek Valley. Le fama idume ngokuvelisa iwayini ezibomvu zohlobo lwe port.

Ukukhula

iSouzão ngumthu ophakathana ukuchuma, ikhula ime nqo kunye nesivuno esibalelwa kuma 10-12ton/ha kodwa abanye abavelisi bakhetha ukusinciphisa isivuno sibekwi 6-10ton/ha. Kulula ukuyikhulisa, ikholwa yimihlaba etyebileyo kwaye imelana kakuhle nobushushu.

Ukuvuthwa

iSouzão ithatha ixesha elide ukuvuthwa, ingavunwa esiphakathini sexesha lokuvunwa ( Ekupheleni kwenyanga ka Februwari ukuya esiphakathini seka Matshi). Ineqondo le swekile ebalelwa kuma
24 - 26° Balling.

Amagaqa Omdiliya

Amagaqa alomdiliya amnyama –bukuluhlaza wesibhakabhaka axinene kwaye azibhantshi ezimbhuntshuntshu. Anamaxolo omeleleyo. Amaxolo namanzi angaphakathi afaka umbala kwi wayini.

Amagqabi

iSouzão inamgqabi aphakathi ngokomlinganiselo amfusa-luhlaza, anekona ezintathu ukuya kwezine nezivamise ukusongana apha ekupheleni.

Izonakalisi Nezifo

Souzão iyakwazi ukuxhathisa kwisifo se botrytis nakwi downy and powdery mildew.

Imisebenzi

eMzantsi Afrika iSouzão isetyenziselwa ukukwenza imixube ye wayini ebomvu ngaphezu kweyohlobo lwe port. Eyona nto incedisa kuyo kukongeza umbala kwi wayini ezibomvu – umbala ongqingdilili ode wanga umnyama. Ngaphezu kwe sinxilisi ne asidi yendalo, umdiliya we Souzão ukongeza incasa eshoqololo. Akukhuthwazwa ukuvundiswa kwayo okungaphezu kweminyaka emihlanu.

Incasa

Incasa ziquka eze black current yasendle, iliquorice, ukuqhwetha kunye nofele. Kodwa abanye abangcamli bee wayini bachaze incasa ye Souzão’s njenge rhabaxa nengathi yi rezini. Iwayini zalemidiliya ekhuliselwe kwingingqi ezifudumeleyo zinencasa ye jem.

Translated by Zizipho Silwana