Semillion

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

Udidi olumhlophe olutyalwe kwimimmandla yezemveliso ye-wayini apha emhlabeni.

Imvelaphi

Isemillion lelona didi oluthengwe pha kumzantsi wase ntshona eFrance ukuya eMzantsi Afrika luthengwa zi French Huguenots phakathi kweminyaka I-1690s. Namhlanje, ibonwa njenge yona wayini ebalulekileyo eyenziwe eBordeaux.

Amanye Amagama

Yaziwa njenge Hunter Riesling e-Australiya, Blanc doux, Colombier kunye ne Malaga e France, kunye njenge “Diliya eluHlaza” eMzantsi Afrika. Yayibizwa njenge “Diliya” eMzantsi Afrika phakathi kweminyaka ye-1820s, ngokuba yayimele ipesenti eninzi kwindawo yemveliso ngelo xesha.

Imveliso eMzantsi Afrika

Ingxelo ibonisa ukuba imveliso engaphezu kwe 90% kwindawo yemveliso yediliya ukusuka pha eminyakeni ye 1820s yeyayo, kodwa iye yaphelelwa yincasa ngenxa yobhubhane we-Phylloxera owatshabalalisa idiliya pha kwiminyaka ye-1880s nesingeniso yenkqubo yesantya yase KWV pha eminyakeni ye-1950s.

Ngo 1995, iSemillion iye yamela izinga elingaphantsi kwe 1% yezityalo apha elizweni. Uxhaso lwayo luye lwavuka futhi, kodwa alufiki pha kwizityalo zayo eziphawulekayo.

Indawo yeMveliso

Kumlambo we Olifants, Swartland, Klein Karoo, Paarl, Robertson, Stellenbosch, Worcester, Breedekloof kunye nase Cape South Coast.

Ukukhula

Ikhula kakuhle pha kumhlaba ophakathi ukuya phezulu, isivuno sayo silinganiselwa pha kwi hektare eziyi 10 t/ ukuya kwi hektare eziyi 15 t. Ikhula njengo phawu lwekhiwane eluhlaza ngombala, eMzantsi Afrika lonto ihlanganiswa newayini ekumgagatho ophezulu, ingakumbi xa ityalwe kwindawo epholileyo evezwe kwimimoya yasemazantsi wentshona.

Ukuvuthwa

Ivuthwa phakathi kwesizini.

Amaqunube

Amaqunube anxazonke, angathi amile okweqanda futhi aphakathi ngesiqu. Anombala oluhlaza bubhelu. Isikhumba sinqinile kwaye sithambile. Umphakathi akanambala, uthambile kwaye u-juci. Xa sele zikhule kakhulu, amaqunube anencase engathi yeyengca.

Amagqabi

Amagqabi asemadala aphakathi ngesiqu, anxazonke, anamajikijoko amahlanu. Amagqabi aqala abengumbala ogqamileyo oluhlaza, aphinde abe ngumbala oluhlaza xa evuthiwe.

Izinambuzane ne Zifo

Oludidi lusengozini pha kwixoshombe elintofontofo kunye ne-botrytis, ingakumbi xa liveliswe kumhlaba onezikhukhula, kodwa liyamelana ne-anthracnose. Lunkenenkene kumoya otshabalalisayo ingakumbi ekuqaleni kwesizini yokukhula kwayo.

Intsebenziso

Isemillion isetyenziswa njengo didi olulodwa okanye umxube. Isetyenziswa ikakhulu ne Sauvignon blanc ukwenza umhlobo wakudala iBordeaux okanye ezinye indindi ezimhlophe, ingakumbi iChardonnay. Limane lichazwa njenge lovane, ngenxa yekhono layo lokukwazi ukuthatha iProfayili yencasa ezininzi.

Iwayini

Incasa ixhomekeke kwimeko zemozulu, ngexesha amaqunube ayathathwa khona, ixesha lokuvuthiswa kwamaqunube, idiliya ziyatshabalala ngenxa ye-bortrytis. Amawele ayafumaneka eMzantsi Afrika, kwaye anencasa yengca okanye eyekhiwane eluhlaza. Yenye yendindi ezikwazi ukuvumela uxhaphazo lweencasa phantsi kolawulo oluvaliweyo. Isivulo emva kweseti yesiqhamo, iphumelela kwi ncasa eyahlukileyo yesiqhamo, xa ivaliwe ikhupha incasa yengca.Translated by Aviwe Damane