Nebbiolo

Inkcazelo

iNebbiolo luhlobo lomdiliya wokwenza iwayini ebomvu, olwayanyaniswa nenye yezona wayini zibomvu zivundisiwe zisemgangathweni ihlabathi lonke liphela.

Kubonakala ukuba eligama licatshulwa kwigama lesi taliane, I nebula, nelithetha inkungu, mhlawmbi kuba ivuthwa ekupheleni kwexesha le yokwindla, apho inkungu iqala khona e Italy, oknye ngenxayo bumfiliba obuvela emaxolweni omdiliya xa sele evuthiwe.

iNebbiolo kubonakala ngathi yinzalelwane yendidi yomdiliya iFreisa, kodwa omnye unozala akeka chanwa ncam. Kukwakholeleka nokuba ihlobene kakhulu ne Viognier.

Imvelaphi

Ngokwenkcazelo ye DNA, iNebbiolo ingathi yaqala e Piedmont okanye eValtellina kumntla ntshona wase Italy. Yenye yeyona midiliya midala ekhuliswa eItaly, iinkcukacha zalomdiliya zishicilelwe kwi Archives zelizwe lase Torino esiphakathini se Sentyuri ye shumi elinantathu.

Kuqikelewa ukuba iNebbiolo luhlobo olunye nomdiliya obizwa ngokuba yi Spionia, ngumbhali wase Roma, uPliney the Elder kwincwadi yakhe iNaturalis Historiae, emva pha ngonyaka wo 1 AD.

Apha ekuhambeni kweminyaka iPiedmont izakhele igama nge wayini zayo iBarolo ne Barbaresco, nezenziwe ngokkukhethekileyo ngemidiliya ye Nebbiolo ekhuliswe kwilali ezithile zalengingqi.

Nge Sentyuri ye 15, Nebbiolo yonwabela ukuthathelwa phezulu kwi lali ze Barola, nezazisaziwa njenge La Morra ngalomaxesha, kangangokuba ukonakalisa okanye ukusika enye yalemidiliya kwakubangela isohlwayo ngokuthi umntu asikwe isandla sasekunene okanye axhonywe.

iBarola ne Barbaresco, minyaka l, yayibizwa ngokuba yi “wayini yo kumkani kwaye ingu kumkani we wayini” e Italy. Mandulo, le wayini yayivamise ukungaqondisiwa xa ikhawlezwe yaselwa ingekalungi. iBarolo emnandi, yileyo iyekwe yavundiswa kangangeminyaka elishumi elinesibini.

Ikwadume nangokuba kunzima ukuyenza, bambi bathi imveliso ye Nebbiolo kufuneka yenziwe kuphela ngabenzi be wayini abanobuchule bokuvelisa iwayini ekwanzima nayo ukuyenza,i Pinot noir.

Amanye amagama

Ikwaziwa nangokuba yi Chiavennasca, iPicutener, iSpanna kunye ne Nibeul.

Imveliso eMzantsi Afrika

Isityalo sokuqala kubonakala ngathi sasithathwe e Italy ngu prof Abraham Izak Perold malunga nomnyaka ka 1910. Ezinye izityalo ezithembisayo saziswa ngu Vititec phakathi kweminyaka ka 1990 kunye no 1995.

Umzi mveliso we wayini iSteenberg Winery yase Constantia ibonakala ingathi yifama yokuqala ukuvelisa iwayini iNebbiolo neyenziwa ngalomdiliya wodwa ingangxengawanga neminye imidiliya ngeminyaka ka 1990.

Iingingqi eveliswa kuzo eMzantsi Afrika

Incinci imveliso yawo eMzantsi Afriika, lingaphantsi nakwi 25ha inani elishicilelwe ngomnyaka ka 2016. Uninzi lwezifama zemidiliya luse Breedekloof, eStellenbosch kunye nase Cape South Coast, logama i Paarl, iKlein Karoo kunye nephondo loMntla Koloni nazo ezindawo zivelisa ugcuntswana lalomdiliya.

Ukukhula

Lomdiliya ikholwa zimo zezulu ezipholileyo. Iyachuma kakhulu, kunye nesibalo semveliso esibalelwa kuma 12 t/ha to 18 t/ha.

Ukuvuthwa

Ivuthwa phakathi kwixesha lokuvunwa, ukusukela kwisiqingatha sokuqala senyanga ka Februwari.

Amagaqa omdiliya

Lendidi ivelisa amagaqa aphakathi ngokomlinganiselo,arawndi ukuya ku ovali ukumila anombala obomvu –vayolethi ajika abemnyama xa sele evuthwe ngokupheleleyo. Ixolo lipecepece kwaye lomelele, logama inyama yangaphakathi izele ngamanzi nencasa eswiti.

Amagqabi

Amagqabi eNebbiolo mancinci ukuya phakathi ngokomlinganiselo, arawndi asisikwere kwaye anekona ezintlanu.

Izifo nezonakalisi

Ibuthathaka kukungunda okungathi ngumgubo, nasekutshisweni lilanga. Imvula ngexesha lokuvuna isenokubangela ukubola.

Imisebenzi

Uncinane oluveliswayo eMzantsi Afrika lusetyenziswa njongomxube wokudibanisa kweminye imidiliya okanye ukuvelisa iwayini ezingangxengwanga neminye imidiliya.

Incasa

Lomdiliya ngomnye wendidi ezimbalwa ezohlulwa ngombala wazo, inombala obumnyama ze Ijikelezwe ngumbala o-orenji apha entloko. Imidiliya ekhoyo eMzantsi Afrika ivelisa incasa eswiti okweziqhamo nencasa zamaqunube.