Izityalo Ezingamayeza Zase Mzantsi Afrika

© Marinda Louw
uMzantsi Afrika lilizwe lesithathu kumazwe jikelele elinezityalo ezohlukileyo. Abemi balapha kweli kwinkulungwane ezininzi basebenzise uncedo lwezityalo ezisetyenziswa njengama yeza. Ezizityalo ziphilisayo bezinyanga zonke iintlobo zezigulo, kuquka nesifo somdlavuza, isifo seswekile, isifo sephepha (TB) kunye nezinye izikhalazo zempilo ezincinci ezifana nengqele, isifo samathambo, iingxaki zokubase xesheni, iingxaki zesisu, zisetyenziselwa nokugxotha izulu elidudumayo, iziphathamandla zobumdaka, kunye nokugxotha iingcongconi nezinja.

Imisebenzi Yesintu Yezityalo Ezingamayeza zase Mzantsi Afrika

Ukusebenzisa izityalo zalapha eMzantsi Afrika, zisetyenziselwa amayeza nokunyanga, kwaye i-oli zaziswa kuba phambukeli bokuqala ukufika eMzantsi Afrika bama Datshi, zisaziswa zintlanga ezazingqongile. Izityalo zaziquka iBuchu, Aloe ferox, (uMzala wase Afrika we Aloe Vera) kunye ne Cape Chamomile. Ezizityalo zazihlafunwa (Sceletium tortuosum njengeyeza lokwenyusa umdla), yayinxuzwa etywaleni okanye kwi viniga kubantu abanengxaki zokucola ukutya esiswini kunye nee ntshulube (buchu), iyatshiswa ke ze umsi urhogelwe ezimpumlweni (kusetyenziswa iCamphor Bush ukunyanga intoko ebuhlungu) okanye ibiliswe njenge ti yokuphunga eliyeza enikeza namandla (Sutherlandia frutescens kunye Anthrixia phylicoides). Ii-Oli zase Mzantsi ziyasebenza kakhulu. I-oli ye Wild Rosemary, inceda ukukhusela kwiintsholongwane kwaye i-oli ye helichrysum isetyenziswa ukunceda nokuphilisa ukulunywa ziinyoka nezigcawu, logama i-oli ye Buchu yona isetyenziswa kwingxaki ezifana nokudumba okuhamba neengqaqambo.
Abantu base Lesotho basebenzisa amagqabi akrwada we Cape Rose Geranium njengentlama yokubekela izilonda namathumba, lamagqabi we sourplum (Ximenia caffra) enziwe umgubo asetyenziselwa ukunyanga ukungazali nemikhuhlane logama ingcambu yalomthi engumgubo yaziwa ngokunyusa umdla wezocantsi. Izityalo ziyakwazi ukutyiwa zikrwada (Amakhiwane amuncu, imarula kunye ne num num), iyenziswa ke ibeyi jam, amandongomane aqhotsiweyo atyiwe (imbewu ye baobab ne cowpeas eziluhlaza) amagqabi atyiwa njenge mifuno (umxoxozi okrakra, morogo, kunye namagqabi we cowpeas).

Amandla Okuphilisa Akwi Zityalo Zasendle Zeli loMzantsi

Amandla wezityalo ezingamayeza zase Mzantsi Afrika avunywe kumazwe jikelele wemizi evelisa amayeza, ukutya, nemveliso zokuthambisa kwaye zisetyenziswa ngendlela ezohlukileyo. I-Devil’s Claw idume kakhulu ngokunceda ukuthomalalisa ukudumba okunengqaqambo kwisifo samathambo, ibuchu isetyenziswa ukunikeza ivumba le blackcurrant isetyenziswe kwimizi evelisa ukutya, logama i-oli zase Afrika ezimfaxangiweyo ezifana ne baobab ne mongongo (yaziwa nokuba yi manketti) zisetyenziswa kakhulu kwezokuthambisa nezithambisi ezivuselela isikhumba.
Amandla wempiliso afumaneka kwezi zityalo zalapha eMzantsi Afrika, ayamangalisa kuba anyanga nezifo ezinzima. I-Cornell University Medical College ifumanise okokuba i-African Ginger inganceda ukuthintela umhlaza / okanye ukubetheka kwamalungu omzimba, Sutherlandia frutescens (‘Cancer bush’) ne African Wormwood (Artemisia afra) zaziwa ngokunceda ukulwa nesifo somdlavuza nesifo seswekile, logama umthi osecicini lokuphela owaziwa ngokuba yi Pepper-bark usetyenziselwa ukonyusa umdla wocantsi nokulwa ne malaria.
Umxube owenziwe nge Lippia javanica ne Knysna Lily zisetyenziswa ngama Zulu ukunyanga umdlavuza, isifo se swekile, iimpawu ze HIV/AIDS kunye nesifo se phepha (TB) kwaye isifundo ebezisandula ukwenziwa ziveze okokuba isage ingaluncedo lwemveli kwisifo i-Alzheimers.
Izityalo ezingamayeza zeli lase Mantla we Afrika kunye nezivuno kulula okokuba zikhule, kwaye zingavunwa endle, kodwa ziyakwazi nokutyalwa kwigadi zase makhaya nakwintsimi zolimo. Zingehlisa iimpawu zezifo ezithile, zixutywe ekutyeni ukonyusa incasa nezinongo kwaye inceda impilo yakhe nabani na othi ayisebenzise. Kodwa ke, kufuneka kuqaphelwe, okokuba ukusebenzisa amayenza emithi kunye nee oli akufunekanga kutyeshele iingcebiso zoogqirha kunye neengcebiso malunga nokutya.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie