I-Sourplum Sisityalo Esilungele Ukutyiwa

© Bernard Dupont
Esisiqhamo si ngu 3.5 cm simbala ubomvu-orenji, sibizwa ngokuba yi Ximenia caffra kodwa yaziwa nangama gama wayo isourplum, groot suurpruim, umThunduluka-obomvu, morokologa, iTsengeni, motshidi, pepo, mutanzwa ne Amanumbilo.
Lomthi mncinci unomphezulu usarhasarha ukhula eMelika kwaye wabizwa ngendoda eyayikholwa ‘monk’ yase Spain u Francisco Ximenez. Eligama ‘caffra’ lisukela kwindawo ethile eMpuma Koloni-Kaffrari. (Ximenia caffra) ingabhidekiswa lula ne Ximenia Americana kodwa ke amagqabi we X. Americana ngombala a ’half blueish-ukuya ku luhlaza’ kwaye iziqhamo zityheli endaweni kabomvu) umthi ongezina zimbuzane zingako zilumayo ufumaneka ku mantla apho ikhula kakhulu xa idibene nezinye iingcambu. Ithatha indawo ezine langa, iyanyamezela kwi mbalela, kwaye iyamelana nekhephu elingelinianga. ISourplumikhula ukuyokuma ku 50cm ngonyaka kwaye yenza iheji elungileyo.
Eziziqhamo zimuncu kodwa zimnandi, zityiwa zintaka, izilwanyane, (iindlulamthi ne antelopes) kunye nabantu abathi benze ijem esidlo esi switi idisethi. Isourplum xa ukhetha ukuyitya ihlaza kungcono xa uyiyekile yavuthwa kakhulu, xa yomile kancinci incasa ifana neye pruni. Inobume be plum, umbala uphakathi komthubi nobomvu, isourplum ivunwa kwimvula yase hlotyeni ngo November ukuya ku March. Imithi ingavelisa 15-17kg yeziqhamo ngonyaka. Iziqhamo ziyekwa emanzini abandayo zonyele, kukhutswe imphumphu emveni koko. Ixutywa nezithole ezisuka ngaphantsi, kwenziwe isidudu. AmaZulu ayasikhama esisiqhamo ibengamanzi – lencindi iyabiliswa idtyaniswe no milimili ukwenza isidudu esimuncu. Isourplum iphezulu ku vitamin C ne potassium (K) kwaye ine protein. Isiqhamo sine mbewu enye enencasa nomyinge we 65 we oli. I-oli isetyenziswa kwi mveliso zokuthambisa ukuthambisa ulusu nokwenza impahla zesikhumba.
Ngapha kwe 60 yabantu nezilwanyane zinyangwange yi sourplum kuquka izifo ezifumaneka ngokwabelana ngocantsi ne malaria. Eminye imisebenzi iquba ukunyanga amehlo atshisayo, nomqala obuhlungu (umxube wamagqabi), ikwalilo neyeza elokuhambisa (umxube wengcambu) nokunyanga amazantsi esisu, ne bilhazia (usulelko olwenziwa ngamanzi) (umxube wengcambu namgqabi). Ingcambu ezicoliweyo ziphilisa izilonda, izifo eziyelelene kwisifo sephepha, kwaye xa ixutye ne bhiya, isebenza ukunyusa umdla wokobelana ngocantsi, logama amagqabi acoliweyo esaziwa ngoku nceda ukungazali, nokuphilisa Umkhuhlane. Isourplum ikhula lula kwimbewu, kwaye ityalwa ngomlinganiselo we 5:1 oxutywe nesanti yasemlanjeni nomgquba.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie