Isifo Semiphunga

©Dr Jim Robinson
Porcine Respiratory Disease Complex (PRDC) ligama elisetyenziswa ukuchaza ukosuleleka kwemiphunga. Oku kosuleleka kubangelwa yimixube eyahlukeneyo kunye neentsholongwane. Ngokomkhomba ndlela obhalwe ngu Dan Visser, osihloko sithi Modern Pig Production, esi sifo sivamise ukuhlasela iihagu eziphakathi kwe 14 ukuya kuma 20 eeveki ubudala. Kodwa sisenokuchaphazela neehagu esele zindala okanye eziselula, kuxhomekeka kwi pathogens ezibandakanyekayo.

Iimpawu

Iimpawu kunye nokuxhalabiseka kokosuleleka kuyashiyana. Kuye kuxhomekeke kwizinto ezibandakanyekayo, kodwa ziquka ukutyhafa,umkhuhlane, ukubhitya, ukungacaceli kutya, ukundzondzotheka ukukhula, imikhunyu ephuma ngempumlo okanye ubuthuku emehlweni, ukukhohlela kwaye nesikhumba sivamise ukujika sibemfusa, ingakumbi kwincam yeendlebe. Esi sigulo sisenokubulala ngesiquphe isilwanyana.

Iimbangela

Iindawo enothuli, iirhasi ezinobungozi ezifana ne ammonia, ukungangeni komoya owaneley, ingqele, amaqondo atshintsha rhoqo, ubushushu obuninzi, ukuxinana kunye noxinzelelo lungakhokelela ekubeni iihagu zifumane isigulo sePorcine Respiratory Disease Complex.
eMzantsi Afrika, esi sigulo soyanyaniswa ne Coronavirus, Circovirus, Porcine Reproductive kunye ne Respiratory Syndrome. Iintsholongwane ezisenokubandakanyeka, ngokubhalwe kumkhomba ndlela oyi Modern Pig Production, zii Bordetella bronchiseptica, Pasteurella multocida, Haemophilus parasuis, Antinobaccilus pleuropneumoniae, Actinobaccillus suis and Actinobacillus equuli, Streptococcus suis and Mycoplasma hyopneumoniae, nekwaziwa nanjenge Enzootic Pneumonia.
Iintsholongwane nganye inee serotypes ezahlukeneyo ezichaphazela iihagu ngendlela ezahlukeneyo ngokwee mpawu, ukuxhalabiseka kwakunye neminyaka yeehagu ezisenokuchaphazeleka sesi sifo. Ezi pathogens zisenokubangela izifo ezingathangani zizodwa nje, kodwa ziye ziqiniseke ngakumbi xa zidibana kunye nezinye iipathogens.

Uthintelo/Ugonyo

©National Pork Board, USA
Ngenxa yokungabindidi nye yesi sifo, kwi Modern Pig Production kucetyiswa amafama ukuba adibane nogqirha wezilwanyana ukuze athintele/igonye, alawule okanye anyange esi sifo. Ukhuselo olungqingqwa (biosecurity) lunganceda ekukhuseleni iihagu eziphilileyo ekubeni zingadibani neehagu ezosulelekileyo sesi sifo. Olu khuseleko (biosecurity) ke, lungaquka kwanto ukusukela kwezinye iihagu ukuya kwizilwanyana zasekhaya, abantu, impahla ukuya kwizixhobo zokusebenza efama.
Iihagu kufanele zifuduswe kwaye kuncitshiswe kangangoko ukudityaniswa kwazo nezinye,ingakumbi ezikwiminyaka elinganayo nezinye ngokuzalwa. Okanye xa zisandula kufika efama de zibe kanti ziyayishiya ifama leyo. Oku ke kuzakunceda ekucocisiseni indawo yemveliso ngaphambi kokufaka iihagu ezintsha/ezifikayo.
Ukucoca ngezibulali ntsolongwane, kunye nokucocwa rhoqo kweendawo zokuselela iihagu, ezokutyela kunye neendawo ezihlala iihagu kuzakunceda ekuthinteleni ukwanda kwee oganizm ezithwele izifo okanye iigesi ezinobungozi ezifana ne ammonia. Ukuqinisekisa ukuba kungena umoya owaneleyo kunganceda ukuba iihagu ziphefumla umoya ococekileoyo nohlaziyekileyo.
Iihagu kufanele zikhuseleke kwimozulu ezimaxongo, zingaxinaniswa endaweni enye kwaye nokuphathwa kwazo kuncitshiswe kangangoko ukunciphisa uxinzelelo.
Amachiza ogonyo ayafumaneka ukuthintela ezinye zezi zifo, kodwa kungcono uqale udibane nogqirha wezilwanyana ukuze akunike iingcebiso mayelana nogonyo ongalusebenzisa kwingingqi yakho yemveliso. Ukusebenzisa rhoqo amayeza abulala iintshulube kunganciphisa amathuba wokuphathwa kwesisifo, ngenxa yeentshulube ezihlala okanye ezihamba emiphungeni yeehagu.
Ezinye zezi zifo zinganyangwa ngamayeza, kuxhomekeka kwii oganizm ezichaphazelekayo. Uthintelo/Ugonyo lelona yeza lihlala lihamba phambili ke kodwa.

Translated by Zizipho Silwana