I-Oli Yomquma eMzantsi Afrika

© SA Olive

Ushishino lwe oli yomnquma eMzantsi Afrika luseluncinane kakhulu kwaye lungonela iqaqobana lwabantu abayisebenzisayo le oli. Noxa kunjalo eli lizwe lisa thengisa enye yale mveliso kumazwe angaphandle asebumelwaneni. Iminquma ivunwa ngesandla ize icatshulwe ngobuchule balemihla bokucaphula i-oli. Uninzi lwabavelisi be oli yomnquma eMzantsi Afrika, luthengisa imveliso ekumgangatho ophezulu (nebizwa nge ‘boutique-style’), ingakumbi ekumgangatho we extra virgin.

Iindidi ze Oli Yomnquma

Logama kukho amakhulu khulu eendidi zemithi yomnquma, iindidi zomnquma zikhethelwa izidlo zase tafileni okanye ukwenza i-oli. Oku kuxhomekeka kwisivuno,kwi oli ekhoyo kwiziqhamo, umlinganiselo wesiqhamo kunye nencasa kunye, ixesha lokuvuthwa kunye nezinye izinto.

Iindidi ze oli yomnquma ezisetyenziselwa i-oli eMzantsi Afrika ziquka I-Frantoio (747 ha), Coratina (276 ha – ezi zityalo zikhule ngama 56% ukusukela kumnyaka ka 2012 ukuya koka 2018) kunye ne FS18 nezityalo zinyke ngama 35% zaya kuma 231 eehekhtare ngelixesha.

Ukutyalwa kwe Frantoio eMzantsi Afrika, neyeyona ityalwa kakhulu kwehle nge 15% logama kutyalwa ezinye iindidi ezintsha. Ukusukela ngomnyaka ka 2012 kumane kutyalwa iihekthare ezimbalwa zee ndidi zokuvelisa i-oli. Ezi ndidi ziquka iPicual (78 ha), Arbequina (54 ha) kunye ne Koroneiki (52 ha).

Indidi nganye inencasa yayo ekhethekileyo kunye nee khemikhali ezahlukileyo. Amaxesha amaninzi, i-oli zomnquma ezenziwe ngeendidi ezixutyiweyo zikhupha incasa ethile. Umzekelo, iArbequina ithandelwa ivumba layo lamandongomane, nencasa yebhotholo enevumba elimnandi. Ikwanayo nencasana yama apile kwaye ayikrakri kakhulu. Kwelinye icala, iFrantoio yona inevumba eliqolileyo, iluhlaza kwaye inencasana eswiti ze ibenendawana ezikrakrayo ezine ziqholo. Ezinye ii-oli zithandelwa umkrakrane wazo wengca kunye nepepire; umzekelo wezi ndidi yi Koroneiki kunye ne Manzanillo.

Ixabiso le Oli Yomnquma

eMzantsi Afrika, kuvamise ukuba i-oli eyi extra virgin olive oil ethengwe kumazwe agaphandle inexabiso eliphantsi kunaleyo iveliswe eMzantsi Afrika ikumgangatho omnye. uKarien Bezuidenhout noyi manejala ye SA Olive, ucacisa ngelithi abavelisi abakumazwe e-EU asebenzisa imitshini ukuvuna kwaye afumana noncedo kurhulumente, noye axhase ngeendleko zokuvelisa ezi oli.

eMzantsi Afrika, iminquma ivunwa ngesandla, nto leyo ikhokeela ekunykeni kwexabiso lemveliso. Kubalulekile ukuqaphela ukuba ii-oli ezithengwe kumazwe angaphandle afane ne EU (apho amaxesha okuvuna engafani nawo Mzantsi Afrika) ziveliswa kwilixa lokuvuna ‘eligqithileyo’ logama ii-oli zoMzantsi Afrika ziveliswa ngexesha ekuvunwe ngalo. Lonto ke ithetha ukuba zisentsha.

Translated by Zizipho Silwana