Ingaba iHoodia Ingawehlisa Ukutyeba Komzimba?

© Alice Notten of Kirstenbosch
Iyathandwa ngenxa yemisebenzi yayo emayezeni, ikhangeleka ifuna ulwazi iHoodia hordonii elinye igama eyaziwa ngayo yi bitter ghaap, Kalahari cactus, ‘bokhorings’ (goat horns ngolwimi lwesibhulu). Okanye ikhobab (ngolwimi lwama Khoisan). Esisityalo siyaxobulwa sityiwe sihlaza kwaye siyaziwa ekuncedeni ukwehlisa umdla wokutya njengoko sasisetyenziswa ngabazingeli abazi Khoisan abakwazi ukungatyi bangaseli manzi iintsuku.
Uphando ngale ntyatyambo lwaqala ngeminyaka yo 1960, ngo1977 icompound P57 yahlukaniswa kwi Hoodia gordonii liziko le South African Council for Scientific and Industrial Research (CSIR). Lomgubo waziwa ngokuba uthumela umyalezo engqondweni ukwenza umzimba/isisu sizive ‘sigcwele’ kwaye kwintengiso ivezwa njengo ncedo lokuhlisa umdla wokutya iipilisi eziphelisa umdla wokutya. Kuphando olwenziwe kwizilwanyane kufunyaniswe okokuba iyakwazi ukunyusa ukubetha kwentliziyo. iHoodia iyafumaneka njengamanzi, umgubo, ipilisi, iti, ilolipop, ne capsules.
Esisityalo sihle sikhula phantsi kwemeko ezohlukileyo umhlaba (one santi okanye umhlaba onamatye) kwaye iyakwazi ukumelana nobushushu (obungapha ko 40 degrees) nengqele engaphantsi ko (-3). iHoodia ikhula kakuhle xa ityalwe nge mbewu. Umbala opink (bomvana) ukuya ko purple (imfusa), ezintyatyambo ziyilemibala ikhankanyiweyo ziyanuka kwaye ziveliswa ngo September ukuya ku October zibano mtsalane kwizi nambuzane eziye zingcolise.
Imbewu yezipilisi ekhangeleka njenge mpondo zebhokhwe (yiyo lonto ngolwimi lwesibhulu yaziwa nge–‘bokhorings’) zivela ekuqaleni kwehlobo. iHoodia ifumaneka kakhulu ku mmandla we Kalahari eMzantsi Afrika (Northern Cape), Namibia, nase Botswana.
Qaphela: Zonke iintlobo ze Hoodia zibhalwe njengo hlobo olukhuselekileyo phantsi kwemithetho yezendalo I (Environmental Conservation Ordinance no.19 of 1974) kwaye kufuneka amaphepha mvume okuyilima, ukuyivuna, ukuqokelela imbewu okanye ukuthengisa naluphi na uhlobo ye Hoodia.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie