I-Oli yomnquma iveliswa kwiminquma emfaxangiweyo. Imithi yomnquma iyazikhulela kwiingingqi ze Mediterranean apho ubusika bungabandiyo nexesha elide, elomileyo lohlobo. Iminquma ingakhuliswa naphi na apho kungekho khona iqabaka. Le mithi idinga imihlaba ekwaziyo ukufunxa amanzi. Ikwadinga ukunkcenkceshelwa okanye iimvua ezifikelela kuma 800 mm ngonyaka.
Iminquma ikhanywa kwiiyure nje ezimbalwa emva kokuvunwa, zicunyuzwe ze zohlukaniswe kwi ncindi namanzi ayo ngaphambi kokuba ifakwe ezibhotileni.
Iminquma ingavunwa ngesandla okanye ngemitshini yokuvuna. Ukuvunwa gsandla, kuvamise ukwayanyaniswa nomonakalo omncinane ongenzeka kwiminquma, kunye ne oli ekumgangatho ophezulu. Ukuvunwa ngesandla kuyindleko kakhulu kwimveliso-eMzantsi Afrika, oku kungafikelela kuma 40% weendleko zokuvelisa.
Ukuvunwa kweminwuma eMzantsi Afrika kuqala ekupheleni kwenyanga ka Februwario kanye ekuqaleni kwenyanga ka Matshi. Le minquma yokuqala yile iluhlaza yenzelwe ukutyiwa nezidlo zase tafileni. Isivuno sigqibelisa ngenyanga ka Agasti, ngeendidi zokugqibela zokuvelisa i-oli.
Iminquma yokutyiwa nezidlo ikhiwa ngezandla ze ifakwe kwiinkonkxa. I-oli ifunxelwa kwiminatha ebekwa phantsi kwemithi.
Ixesha lesivuno linganegalelo kumbala, kwincasa, ixesha lokuhlala kunye nemivuzo esempilweni. Kwiindidi ezithile, ezine polyphenol ephantsi, ukuvuna kwinyanga emva kwexesha lokuvuna kungahlisa ixesha lokuphila kwe oli kangangee nyanga ezine. Ngoko ke, umgangatho onqwenelekayo we oli uxhomekeka kwixesha ebivunwe ngalo.
Iminquma eluhlaza (nengekavuthwa ncam) ikhupha incasa yengca nekrakrayo. Iminquma eluhlaza ine polyphenols eziphezulu (antioxidants) kunye nezinye iikhomponenti. Ngoko ke, i-oli eyenziwe ngeminquma engekavuthwa ihlala ithuba elide, ngenxa ye preservatives zayo zendalo. Iminquma ekhiwe inombala oluhlaza ojika ube mfusa iqala ukukhupha iincasa zeziqhamo/eziswiti. I-oli ibatyheli kwaye inencasana eswiti okweziqhamo.
Njengokuba iminquma iya ivuthwa, amaxolo ayatshintsha ukusuka kumbala omfusa ukuya komnyama. Ezi oli, ukusuka kwiziqhamo ezivunwa kade, zigolide ngombala, azikrakri kangako, kodwa zingakhawuleza ukonakala ngethuba zivunwa. Le minquma ayihlali xesha lide. Ibaninzi ne oli ephuma kule minquma. Eyona oli ikumgangatho ophezulu yenziwa ngeminquma engekavuthwa ncam ukuya kwinqanaba apho ivuthwe yade yaba bomvu.
Ukuze kwenziwe i-oli ekumgangatho ophezulu, iminquma kufanele imfaxangwe kwiiyure ezingama 24 emva kokuvunwa. Emva kokuvunwa, amagqabi kunye neentsasa ziyahlanjwa ukuze kususwe iintswalela ze zibulali zinambuzane nezonakalisi kunye nothuli. Iminquma iye ithathwe ngebhanti elihambayo ukuya kwi mil, nalapho iye icunyuzwe ibe yintlama. Le ntlama iye yenziwe into ekuthiwa yi malaxing ye ntlama imizuzu engama 20-45. iMalaxing ithetha ukuba intlama iyaxovwa ukuze amaqabaza e-oli ohlukaniswe kwinyama yesiqhamo. La maqabaza aye adityaniswe namaqabaza amaninzi.
Kwinyathelo eli landelayo, i-oli iyohlukaniswa nenyama yeminquma kunye namanzi. I-oli iye ishiywe ematankini ukuze icolwe nangaakumbi. Le oli isenokuphinda ihluzwe ngaphambi kokuba ziphinde zifakwe ezibhotileni.
Ezinye izinto ezinokuba yimfuneko ukuphucula umgangatho we oli ziquka ukucola-refining. Oku kwenzela ukunciphisa iasidi nokuphucula incasa. Ziye zibhlitshwe ukunciphisa ichlorophyll, nezibulali zonkalalisi njalo njalo etc. kwakunye nokususa amavumba amabi.
Ukufudumeza intlama yeminquma kunganyusa amathuba okufumana i-oli eninzi. Kodwa ke, xa kusenzelwa iintlobo ezi ‘cold extracted’, akufanelanga kusetyenziswa amaqondo obushushu obungaphezu kwama 28℃.
I-oli ecocekileyo ingagcinwa kuma tanki enkcenkce akwi ndawo ezinamaqondo angaphantsi kwama 28℃ de kufikelele ixesha lokuba ifakwe ebhotileni. Umgangatho we oli yomnquma uhlala ulungile xa use tankini ngaphezu kwaxa igcinwe ebhotileni.
Ii-oli ezenziwe ngendidi enye yomnquma zinga viwa incasa ngaphambi kokuba zixutywe, ukuqinisekisa ukuba zinencasa efunekayo; kwaye zihlala ixesha elide.
I-oli esandula ukwenziwa inemivuzo emininzi esempilweni. Ngokuhamba kwexesha kuye kwenzeke i-oxidation, neye ibangele ukuphasalaka kwee khompawndi azibalulekileyo ezifana ne fatty acids. Ibhotile ye oli yomnquma ingahlala kangange nyanga ezili 18-24, xa sele ivuliwe, le oli kufanele isetyenziswe kwiintsuku eziphakathi kwama 30 nama 60. Yibeke kude ekukhanyeni, kwindawo epholileyo ukuthintela i-oxidation. Ukuyifaka efrijini kungathintela ukuba ibenamanzi phakathi ebhotileni; ukugxobheka ngamanzi kungathintela umgangatho we oli.
Translated by Zizipho Silwana