Imveliso ye Raisins

Imveliso Kwilizwe Jikelele

©Glenneis Kriel

Ilizwe lase Turkey lelona lizwe kwakudala elivelisa iraisins kwaye liselelona lizwe likhulu livelisa iraisins, lilandelwa yi USA. Amanye amazwe avelisa iraisins lilizwe lase Mzantsi Afrika, Australia, Chile, Greece, Iran, Uzbekistan kunye ne Afghanistan.

Imveliso yase Mzantsi Afika

Lentengiso yaqala ngakwi Orange River kwiphondo lase Northern Cape kwaye liye landa ukusuka kwinkulungwane ye i20th century. Isimo sezuku esishushu, esomileyo, kulendawo silungele imveliso yomdiliya kwaye intengiso ye raisins ikhona ihamba nentengiso yomdiliya osemtsha kumandla. Ingeniso entle ye raisins kuzo zombini intengiso yeli neyamazwe angaphandle iluncedo ekukhuleni kwale ntengiso. Ilizwe lo Mzantsi Afrika lithengisela iraisins ilizwe lase Europe apho zithi zithengiswe kwelase Germany, Netherlands, United Kingdom, kunye ne France. Ilizwe lase Mzantsi Afrika likwathengisa iraisins kwilizwe lase USA nase Canada.

Indawo ye Mveliso

Owona mmandla wokuvelisa iraisins kweli lo Mzantsi Afrika ucebukuhle i-Orange River eNorthern Cape kwaye lomandla uvelisa malunga no 90% wemveliso ye raisins eziveliswe kweli lo Mzantsi Afrika. Kutsha nje, imveliso ye raisins iyakhula nakummandla wase Namaqualand.

Ukulungisa

©Glenneis Kriel

Iraisins zomiswa elangeni ngesiqhelo, nangona ukuzomisa ngelanga kungelilo ixabiso, zona ziba semngciphekweni wongcoliseko lomhlaba, intsholongwane kunye nosuleleko lwezinambuzane.

Abavelisi bayawomisa nomdiliya besebenzisa umthunzi wokomisa okanye bazimfaxange ngomatshini kwindawo zokomisa phantsi kwendawo ezifumileyo eziphantsi kolawulo nemeko zobushushu.

Xa ulandela indlela yokuzomisa, iraisins ziyacalulwa ze kususwe nantoni na efumaneka kuzo engafunekiyo.

Iraisins zinyangwa nge sulphur dioxide ukuze zingonakali emveni kokuzomisa.

Imisebenzi

©Louise Brodie

Iraisins zityiwa ngengesidlo sokulibazisa okanye kwisaladi kwaye zisetyenziswa kakhulu xakuphekwa naxa kubhakwa. Iraisins zityebile kwi fibre, carbohydrates, kunye ne minerals ezifana ne iron ne copper. Iraisins zinencasa eswiti kwaye zine low glycemic index, kwaye ziyakhuthazwa njenge sidlo sokulibazisa kwabo bafuna ukwehla esiqwini.

Translated by Zikhona Plaatjie