Imveliso Ingqolowa

Imimandla ye Mveliso

©Chris Daly
Iphondondo lase Freystata lalifudula libonwa njenge baskithi yesonka yeli lo Mzantsi Afrika, kodwa kulemihla alisavelisi ngqolowa kuba amafama akhetha izivuno ezingenisa imali kwaye ezinomngcipheko omncinci oyanyaniswa nemveliso.
Namhlanje ngapha kwama 75% wengqolowa iveliswa ngaphantsi kwemeko ezomileyo kunye nama 25% ngaphantsi konkcenkceshelo. Ingqolowa eveliswa ebusika kumhlaba owomileyo kweli le Ntshona Koloni ibalela ama 50% wemveliso epheleleyo yelizwe, nangona inkoliso yengqolowa yase hlotyeni iveliswa phantsi kokunkcenkceshelwa ngakwi milambo emikhulu kwiphondo lase Northern Cape.

Imisebenzi

©Glenneis Kriel
Ingqolowa isetyenziswa kwimveliso yomgubo we flour nokwenza isonka, logama ingqolowa idurum isetyenziswa ukuvelisa ipasta.

Amahlelo Okuvelisa

©Glenneis Kriel
Amahlelo okuvelisa ingqolowa eMzantsi Afrika kudala ayejonge ekuphuhliseni ingqolowa ebhakwayo kwaye enomgangatho ogubekayo. Logama imveliso ngokwe hectare ithe yanda eminyakeni, konke oko kwenziwa bubuchwephesha balemihla, njenge ntlobo ezithe zenziwa ngcono, nokulima okuthe ngqo njalo njalo, ingeniso yemveliso ibiphantsi koxinzelelelo ngenxa yengqokelela yomngcipheko wesimo sezulu, amaxabiso angaphucukanga wamazwe jikelele kunye nokwenyuka kwamaxabso okuvelisa.
Isimo sezimali ezingaphucukanga sengqolowa sikhokhelele kwicebo kwimveliso yengqolowa, nenye yenjongo ikukuphuhlisa ingeniso ngaku phuhliso lwentlobo ezivelisa isivuno esininzi ngokwe hectare, oko akufuni msebenzi mninzi, kufuna isichumisi, kunye nezigxhotha iinkumbi okanye ezinyamezela imbalela. Injongo kukwandisa ezindlela ngaphandle kokuba utshintsho luchaphazele umgangatho wengqolowa.

Intlobo-Ngentlobo

©Chris Daly
Intlobo ezahlukileyo ezininzi zezilimo ziyafumaneka, ezohlulwe ngezigaba ezintathu ezizilimo zomhlaba owomileyo kuma Mazantsi, imveliso yasehlotyeni kumantla kunye nonkcenkceshelo. Ukukhetha iintlobo ezilungileyo, amafama kufuneka acingele okokuba ezintlobo ziqhube njani kuhlalutyo lwezilimo olwenziweyo kufuphi nefama nokuthetha namanye amafama ngamava wawo nezintlobo zahlukileyo.
Iintlobo ezikhethiweyo akufunekanga zilungele isimo sezulu kunye nemeko zemhlaba, kodwa zivelise ingqolowa ekumgangatho ophezulu ofunwayo ngaba gubi kunye nabo banamashishini okubhaka.
Kungcono ukutyala intlobo ezimbalwa zisasaze imingcipheko yemveliso nokusebenzisa izilimo ezivavanyiweyo. Iintlobo ezintsha kufuneka kuqala zivavanywe kancinci nezo kudala zikhona ukuze kufaniswe indlela eziqhuba ngayo. Ukukhetha izilimo akunga funekanga ziqhele isimo sezulu esitshintshayo okanye imeko zemveliso nokwenza indlela yentlobo ezintsha ezingcono.

Translated by Zikhona Plaatjie