Impepho Ichukumisa Izinyanya

© Alice Notten of Kirstenbosch
Impepho okanye i-oli ye Helichrysum ifunxwe kwiyeza elinevumba elimyoli elikhula kwimimandla esenxwemeni yoMzantsi Afrika. Iyafumaneka nakwezinye iingingqi ezinee ntaba ezifana ne Free State kunye ne Lesotho. I-Mpepho ineendidi ezingapha kwama 600, kweli nani zingapha kwama 240 ezikhula eMzantsi Afrika. Malunga nezintlanu kwezo, zisetyenziselwa imveliso ye-oli eziyimfuneko eMzantsi Afrika. Ezi ndiid zintathi zempepho zibizwa ngokuba zi: Helichrysum odoratissimum (eyona isetyenziswayo nechumileyo eMzantsi Afrika). H. splendidum (Isisityalo sase Mzantsi Afrika) kunye ne H. italicum (iimbewu zayo zazithathwe eItaly. Ikwaziwa njenge everlasting-ehlala umphelo.
Abemi boMzantsi Afrika bayibiza nge mphepho (isiXhosa, isiZulu), okanye kooigoed (Khoisan, Afrikaans). Ekuqaleni yayisetyenziselwa ukuchukumisa izinyanya, ukususa imimoya emibi emagumbini okanye ukucoca amagumbi anezigulane. Kuba igxotha nezinambuzane, yayisetyenziswa njengomandlalo kwaye yayinceda nokuphuthelwa. Kuthiwa ikhulula umzima obambekileyo kunye neentloko eziqaqambayo. Isenokusetyenziswa ke ukunyanga ukhohlo-khohlo, imikhuhlane kunye nengqele. Inezithako ezibulala iintsholongwane ezandayo nezosulelayo, oku kuyenza ibeliyeza elihlala likhona ukunyanga xa utyiwe zizinambuzane nkqu nezigqawu, onomadudwane okanye xa utyiwe yinyoka.
I-oli ye Impepho inezithako ezithomalalisa ukutshotshozela nokudumba (iluncedo kumathambo ophukileyo, ukuqaqamba kwezihlunu kunye nesifo samathambo). Impepho ikwabulala nentsolongwane yokungunda/ukubola. Ngenxa yezithako zayo zokukhulisa, ingancenda ekupholiseni inxeba, amaqhakuva nezinye izifo ezincinci ezonakalisa isikhumba. Izithako zayo ezikhusela ukuguga zinika amandla kumajoni omzimba, kuyenza ibesisinongo esilungileyo ukuba kwenziwe ngaso ikhrim yokuthambisa umzimba kunye nesikhuseli selanga (sun screen). Ingasetyenziswa kunyango lomophu ukunceda umfixano, kwaye ilwa izigulo ezibangwa zi allergy. Ikwathomalalisa nokucinga kakhulu, ze yomeleze ne nervous system.
Isivuno sixhomekeka kwimozulu. Ukub izityalo zifumana amanzi oneleyo kungaphuma izivuno ezibini ngonyaka. Esokuqala isivuno singange ntwasahlobo siphinde esesibini eKwindla. Amagqabi, iziqu, kunye neentyatyambo zesisityalo ziyomiswa okanye zisetyenziswa zisemanzi. I-oli eveliswe ngesityalo esifuthisiweyo iba tyheli ongacacanga kwaye ibangathi ngamanzi. Ivumba layo linamandla, linuka umhlaba kunye neyeza. Izityalo zandiswa ngembewu okanye ngezithole (zezityalo ezingeka zidubuli). Bakhona abavelisi bale oli yempepho eClocolan kwiphondo lase Free State province (kulinywa elinyiweyo nezikhuleleyo), mntla we Gauteng, Baviaanskloof (Ntshona Koloni) kwakunye nase Stellenbosch kunye nase Piketberg kwiphondo leNtshona Koloni.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zizipho Silwana