Imiqathango Yokuzivalela Bucala

Ngubani ekufaneleke azivalele bucala?

Ukuzivalela bucala ngenxa yentsholongwange eyaziwa ngokuba yi COVID-19 coronavirus kuyakhuthazwa kakhulu kubantu abathe bajongana ngqo nalentsholongwane okanye bandwendwela iindawo namazwe anamanani aphezulu woluntu osele lusulelekile, kubalulekile ukuzivalela bucala ukuze bangayisasazi xa bethe bosuleleka.

Amanyathelo okuzivalela bucala

Hlala ekhaya. Phuma kuphela xa udinga uncedo lwempilo.
Qaphela iimpawu zakho: Umkhuhlane, ukhohlokhohlo, kunye nombefu.
Fumana uncedo lwempilo ngokukhawuleza ukuba uthe wagula.
Qinisekisa okokuba uyazi, kwaye uthabatha amanyathelo afanelekileyo okufumana uncedo.

Nanga amanyathelo:

Tsalela umxeba iziko elikufuphi kuwe lezempilo, ze uxele okukuba unentsholongwane, okanye uphantsi kovavanyo lwe ntsholongwane eyi COVID-19 coronavirus.
Faka isigqumatheli sobuso (ukogquma umlomo nempumlo) phambi kokuba ungene kwiziko leze Mpilo.
Cela ingcali engu Nompilo ifake ingxelo kwi NICD.

Imiqathango xa ukuvalelo labucala

Musa ukuya emsebenzini, esikolweni, okanye kwiindawo ezinoluntu. Zama ungasebenzisi izithuthi zika wonke-wonke, okanye iitekisi.

Zigcine bucala kwabanye abantu nezilwanyana ekhayeni lakho. Xa unako, sebenzisa igumbi elilodwa lokuhlamba umzimba.

Isikhuseli buso kufuneka zisetyenziswe ukuzama ukuthintela ukunona kwentsholongwane kwabanye abantu. Khohlela okanye uthimle kwingqiniba. Kungenjalo, gquma umlomo wakho kunye nempumlo ngephepha lokosula xa uthimla okanye ukhohlela.

Coca izandla rhoqo. Sebenzisa amanzi malunga namashumi amabini (20 seconds) okanye usebenzise isicoci zandla esinomlinganiselo wotywala omalunga nama 60-95%.

Zama ungathinti amehlo, iimpumlo kunye nomlomo ngezandla ezingahlanjwanga.

Hlamba zonke iindawo ezifana nee khawuntari, phezulu kwe tafile, izivalo zamacango, iitephu kwigumbi lokuhlambela, indlu zangasese, iselula okanye umxeba wasesinqeni, iibhodi ezicofwayo zekhompuyutha, iminxeba eyaziwa Itheblethi, kunye neetafilana ezise caleni kwebhedi yonke imihla.

Translated by Zikhona Plaatjie