Iimveliso ze Avocado

©Photo courtesy of the California Avocado Commission

Ubukhulu becala ii-avocado zityiwa zinjengoba zinjalo kodwa zisenokutshintshwa kwenziwe ngazo i-oli okanye zicunyuzwe. Ngomnyaka ka 2018, imveliso ye avcado eMzantsi Afrika yayimalunga nama 170 000 eetoni. Isiqingatha (86 000 seetoni) sathengiswa kumazwe ase Europe kunye ne UK. Malunga nama 40% yathengiselwa abemi belizwe laze I 10% kwenziwa iimveliso ezifana ne oli kunye ne purée.

I-Oli ye Avocado

I-oli efumaneka kwi avocado yodlulwa kuphela yeye minquma (olives) maxa wambi ide yodlule nayo leyo. 

I-avocado evuthiweyo ingasetyenziswa ekuveliseni icrude oil, i-oli ecoliweyo kunye ne cold-pressed avocado oil. Ezi oli zisetyenziswa kushishino lwe khozmethiki nolokutya. I-oli ye avocado iyafumaneka njenge extra-virgin kwaye ingaqholwa nge galika okanye ilamuni. Ngaphandle kokusetyenziswa kwii saladi nee marinade, ikwane qondo eliphezulu lokuqhuma elingama 250°C nto leyo iyenza ikulungele ukuqhotsa okanye ukosa nge oveni. 

I-oli ye avocado ngumthombo we omega-3 fatty acids,iqulathe monounsaturated fatty acids ezifana ne anti-inflammatory oleic acid kwaye ayina kholesteroli (cholesterol-free). Ikwaqulathe ne chlorophyll nengengomthombo we magnesium nje kuphela kodwa ekwanceda ekukhuculeni iimetali ezisindayo emzimbeni. 

I-oli ye avocado izele zii vithamin ezifana ne vithamin A, B1, B2 kwakunye no D, amino acids, lecithin. Inconyelwa kakhulu ii-propathi ze antioxidant kuba izele yi vithamin E. Ilu lungele ulusu olu ethe-ethe, olonakaliswe lilanga kwaye inganceda ekupheliseni iingxaki zesikhumba ezifana ne eczema kunye ne psoriasis. 

I-oli ye avocado igalelwa kwii bhotile zegilasi ze ithengiswe kwii venkile ezinkulu zokutya. I-oli eninzi isenokufumaneka kumagqongo angama 210 eelitha.

I-Avocado Pulp

©Westfalia Fruit

I-avocado ziyatshintshwa kwenziwe ngazo i guacamole – neyeyoku ncida, okanye ebizwa nge purée/pulp. Le pulp yenziwa ngoku faka uxinzelelo oluphezulu kwi avocado, ze ikhenkceziswe kumaqondo ali -18°C. Le pulp ikhenkcezisiweyo ingahlala ilungile kangane minyaka emibini kunye neentsuku ezingama 30 ise frijini emva kokunyityilikiswa komkhenkce. Ungayinyibilikisa umkhenkce ngokuyifaka kwicala elingenamkhenkce efrijini, kangane yure ezilishumi. I-avocado pulp isenokungaqholwa okanye iqholwe nge tamati, itswele, ilamuni, icoriander kunye nezinye iziqholo ezifana ne pepile. Ezivenkileni ingafumaneka ikwizikhaftina ze plastiki okanye kwiingxowa ze plastiki ezili 3kg. Unintsi lwe avocado puree kunye neemveliso ze guacamole ezisuka eMzantsi Afrika zinezi gunyaziso ze Kosher kunye ne Halaal​.

I-Avocado Ekhenkcezisiweyo

©Westfalia Fruit

Ii-avocado ezivuthiweyo ziyaxotyulwa, zikhutshwe iipeta ze zisikwe zibe yimicu okanye amagaqa. Le micu ye avocado iye inkxuzwe kumxube we ascorbic acid ne citric acid ngaphambi kokuba ikhenkceziswe ngendlela ezizwa nge (individually quick frozen (IQF)). Le mveliso iye ifakwe kwii plastiki.

Translated by Zizipho Silwana