Wayeyindoda eyomeleleyo, enganikezeliyo, lotata wam, uVictor Thamsanqa Ngqono. Wayengumzekelo kum ndimthanda. Wayefundisa kwisikolo samabanga aphezulu. Kwaye rhoqo ebuya esikolweni wayehamba ayokulima emasimini ombona, amathanga neminye imifuno, akhathalele nemithi yeziqhamo.
Amanzi wayewafumana kumlambo omkhulu ongekho kude ukwenza imiqolo yokunkcenkceshela igadi yethu namasimi. Wasixelela okokuba akayiboni eyomntu ohluphekayo, kuba xa uyindoda, kufanele usebenzele usapho lwakho. ‘sasingalambi.
Ukuba uthe walala kwangethuba wayevuka kwakhona ebusuku athi ‘ ndisayokujonga imibhobho yokunkcenkcekeshela okokuba isebenza kakuhle na.’ ngentsimbi yesibini kwakusasa aphinde avuke, athi, ‘Ndisayokujonga iinkomo aziphumanga ebuhlanti,’ okanye ‘Ndisasa igandaganda emasimini kwakhona.
‘Ndandiyazi wayevuka ngalamaxesha atenxileyo kuba ndandimva ehamba hamba eqhula umama ngokumhlekisa. ‘Sithandwa, vuka, vuka. Uyasebenza khumbula. Kufuneka usebenze nzima kakhulu,’ atsho. Emveni koko bahleke. Wayekuthanda ukuhlekisa, kodwa wayehlala ezimisele.
iminyaka elishumi phambi kokuba asweleke, wathenga indlu phezulu entabeni, ine venkile ecaleni kwayo eyayibizwa ngokuba yi Deckert’s Hill Trading Store, yayi yeyendoda yomlungu uMnumzana uGroenewald. Yayi yindawo entle, ibonakalisa imbonakalo yentaba entle, imilambo, namasimi amakhulu angqungileyo.
Nditsho kwangonyaka ka 1995, lonyaka wasweleka ngawo sele elixhego, wayesebenza nzima emhlabeni wakhe, ukhulisa iimbotyi ezaziwa ngokuba zi “sugar beans” kunye nezinye iintlobo zembotyi, amathanga, I”peas” , imixoxozi, amathanga aziwa ngokuba zi butternut, eggplant, cauliflower, nama khaphetshu.
Waye ngenabo abasebenzi bokumncedisa, yiyolonto ngoku sasiseba ncinci safunda ukulima, ukususa ikhula, nokukhulisa imifuno. Ndandithanda ukwenza lento kakhulu. Kuba konke ukutya kwethu kwakulinyiwe, utata wayengafane asebenzise umvuzo wakhe.
Waye wugcina wonke kwibhokisi ekhuselekileyo yokugcina imali. Kwakungekho zibhanka ngezo ntsuku, utata wathenga isefu yokugcina imali, sasiyibiza I’bhokisi ekhuselekileyo’, yokugcina umvuzo wakhe. Wayenga fane athathe imali kuyo. Wayehlala esithi kuthi,’ ningaze nibengamasela, okanye umatshonisa. Xa nine mali yahluleni kathathu. Eyokuqala yeyokutya, enye niyigcine ebankini, okwesithathu xa kukho ogulayo kusapho’. Ngenxayoko sasihlala sanele, singadingi nto.
kwenzeka utata asiwe kwesinye isikolo akafumana umvuzo wakhe unyaka wonke. Ngalonyaka, wayithatha imali kwibhokisi yakhe yemali ekhuselekileyo ukuthenga izinto esasizidinga, kodwa saqhubeka sisitya imifuno esuka kwi gadi yethu.
Yathi isakungena imali yakhe yonyaka isuka ku rhulumente, yayenele ukuthenga igangaganda entsa iJohn Deere yokulima emasimini wakhe, ukuze akwazi noku wandisa. Wayene Nkomo ezininzi, wayezithenga eTransvaal, zazifika ngololiwe wokuthwala iimpahla. Utata wayeqeqesha, kodwa wayelungile.
Wasithengela amaqegu amatsha kwidolophu enkulu ekufuphi eKomani, ukuze xa esithuma evenkileni sikhawuleze sibuye, singadinwa futhi. Ekupheleni kwenyanga wayesisa eKomani ayokusithengela iimpahla eBloomenthals nakwa Sales House. Sasiziva sikhethekile.