I-Buchu Oil Eyenzelwe Ukuvelisa Ivumba le Blackcurrant

©Alice Notten of Kirstenbosch
iBuchu (‘boegoe’ ngo lwimi lesibhulu) ligama elisetyenziswa kumalungu wosapho lwe aromatic Rutaceae, kwaye idumile ngoncedo lwayo kumayeza kwizwelonke jikelele. Isetyenziswe eMzantsi Afrika iinkulungwane ngabantu be San ne Khoi ukunceda kwingxaki sesisu, umkhuhlane, okanye iingxaki zamathambo. Isanikwa imbasa nangalo mhla ekwenzeni amayeza nakumaziko enza ukutya. Abaphambukeli bokuqala eMzantsi Afrika babefaka amagqabi kwi vinegar nebranti bayisebenzise ekunyangeni isisu esiqunjelweyo, iintshulube nee nkathazo zesisu. Zezimbini kuphela iAgathosma crenulata (iBuchu enemisebe emide) kunye ne Agathosma betulina (iBuchu eligqabi ulingqukuva) i-oli yazo isathengiswa. Ivelisa umyinge we1-2% yemveliso entsha. Le oli ikhutshiweyo isetyenziswa kwizinto zokuthambisa, njenge siqholo somzimba (ukuvakalisa ivumba le blackcurrant) nokujika umbala wokutya.
Ngokwamayeza isetyenziselwa ukunyanga iingxaki zezintso neengxaki zesifuba. iBuchu isebenza kakhulu ekuthinteleni usuleleko kwaye isetyenziswa kwizinto zokuthambisa, ezithengiswa zingamanzi eBuchu okanye njenge oli engangxengwanga. Amagqabi we Buchu asebenza kakuhle ekucoceni umzimba ngaphakathi kwaye athomalalisa iintlungu ezidityaniswa nokubase xesheni noku qunjelwa kwesisu. iBuchu oil yaziwa ine GRAS – Generally accepted as safe (Ezamkelekileyo) – kuzo zombini iFDA ne European Union.
Ngenxa yamaxabiso e-oli aphezulu kwaye isisoyikiso kwindawo ezisendle, amafama aqalise uku khulisa iBuchu ukuze ayithengise. iBuchu ixhaphakile kumazantsi ezintabeni zase Ntsholona Koloni. Ezithengiswayo zityalwe ePiketberg, Citrusdal ne Cederberg. iBuchu ikhula kakuhle kwisanti, umhlaba okhamekileyo kwaye ingaveliswa kwi mbewu.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie