I-Baobab: Amafutha Okuthambisa Anesondlo

© Andrew Hankey from SANBI
Umthi odumileyo we Boabab (Adansonia digitata) iyafumaneka kwindawo ezishushu, ezomileyo kumhlaba okumazantsi eAfrica, Madagascar, India, Sri Lanka, kunye ne Australia. Ibonakala njengomthi ome ‘ngomphezulu’ (Ifana negamalayo eliqhelekileyo), imisebe efana neengcambu, isiqu somthi esibubukhulu obungafika ku 25 m. Lemithi yakudala yeziqhamo iwisa amagqabi wayo rhoqo ngonyaka ikhula lula ukuya kwi1000 leminyaka.
iBoabab ivelisa ukutya, amanzi, ne fibre kodwa inawo umsebenzi njenge yeza. Amagqabi asemancinci asetyenziswa ekuphekeni okanye ukunyanga umkhuhlane. Ezindawo zifana nentambo kwizikhondo zomthi zisetyenziswa ukwenza intambo ezomeleleyo, amaphepha enziwa amalaphu xakukhanywa amanzi angxamisekileyo kumahlahla nase sikhondweni. Lomgubo weziqhamo uvelisa izinongo ze calcium (ca) inayo ne magnesium (Mg), ipotassium (K) nezinongo iB-complex yenza isiselo esinamazinga aphezulu wesinongo uVitamin C. iIntyatyambo zayo ezimhlophe eziyokozelayo ukusesela ngo October ukuya ku December zingcoliswa ngama bhabhathane, ze uvelise iziqhamo ezifana nebhola yombhoxo eneqokobhe eliqinileyo elogquma umgubo weziqhamo ne mbewu ezityebileyo ngokwe oli. Iziqhamo ezibude be sentimitha (cm) ezilishumi nambini (12) – ezomileyo emithini ziwela phantsi zikwazi ukuthi zivunwe. Kuqikelelwa okokuba ithatha iminyaka esibhozo (8) ukuyokuma kwiminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) yeminyaka phambi kokuba iBaobab ivelise imbewu, isityalo esidala singavelisa emyinge ongapha kwe 30 kg yeziqhamo.
Inevumba elimnandi, inamanzi angakho maninzi, ibaobab oil iyatyeka, kodwa isetyenziswa kakhulu kwimizi evelisa iziqholo zokuthambisa. Xa i-oli inyibilikile, okanye inganyibilikanga yonke, zaziwa ngokuba zi monounsaturated fats, kunye ne polyunsaturated fatty acids. Ezine omega 6 ekumyinge we 30%. Ingxenye kwi oli (B-sitosterol) yi antioxidant enamandla anokwehlisa umonakalo kumajoni we DNA. Ino vitamin A (ivuselela amajoni we membranes), D3, K no E. ibaobab oil ixesha elininzi ihlala imfaxangwa ibanda kwaye yenza i-oli yoku masaja ekhawulezayo ingene esikhumbeni. Le oli ngokwesintu isetyenziswa ukuthomalalisa ukudumba, intsini ezinosuleleko, ingaluncedo nakwi nwele ezomileyo, incede imilebe eqhekekileyo, isetyenziswa ekuthambiseni isikhumba noku nceda kwiminyama ngoku vuselela ukuseka icollagen. Ukupholisa kwayo kunceda kwi eczema, no rhawuzelelo lwentloko eyomileyo (psoriasis) iyayinyanga. Iyaziwa ke ukuvuselela nokuthambisa umphandle wesikhumba.
iBaobabs zinganona ukusuka kwimbewu nangokwe mifuno okanye ngokuhambisa imbewu eziveleleyo. Lomthi ukhula kwindawo ezi ‘semiarid ne subtropical zones’ kodwa azidibani nekhephu. iBaobabs zithandwa zizinambuzane ezizisa intsholongwane ye cocoa.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie