Amava emini Zengcinezelo – uKulwa Amandla

uBeauty Skefile ubalisa ngamava emini yena nabanye abahlali base Crossroads bathatha isigqibo sokuchasana nokususwa kwama tyotyombe wabo ngamapolisa ezopolitiko, neziganeko ezalandelayo. Uloyiso olwa landelayo lamenza uBeauty abone amandla noku nyamezela kwakhe.

uKuvukelana kwa Mapolisa

©Eric Miller

Ngenye imini sonke sagqiba kwelokuba sidikiwe kukoyika, kwaye sizakuhlala. ‘ukuba bafuna ukusibulala, mabasibulale,’ satsho.’Asinakukwenza ngakumbi. Sizakuhlala‘ kwithuba elilandelayo amapolisa efika nezinja zawo, sahlala phantsi.

Babuza, ‘kwenzeka ntoni?’ Sathi, ‘Siyakuthanda ukuhlala apha. Asiyindawo ngoba ayikho enye indawo esinokuya kuhlala kuyo. ‘Basishiya. Sahamba saya kwi Black Sash kwakhona ukuyo kubaxelela. Ngelixesha, iBlack Sash yathi, ‘Kulungile.

Kuhle’. Amapolisa aquqa ebuyelela, aphinde asishiye. Ngamanye amaxesha ayesenza soyike, basondele nezinja zabo ngoku ngathi bazakusifunza ngazo. Kodwa sasixokozela sibathuka, sibaxelela asiyindawo, bahamba. Abazange basidubule. Babengazami ukusibulala. Babefuna ukusoyikisa basigxothe.

uSuku Olubi eCrossroads

©Eric Miller

Ngenye imini inkokheli ye ANC eCrossroads, uJohnson Ngxobongwana, wasibiza sonke kumhlangano ukwenza icebo ngengxaki zethu. Wathi masidibaneni ngaphandle kwesikolo i- uXolo sitoyi toye sibaxelele asiyindawo. Saya sonke, abantwana, umntu wonke. Owu, yaba yimini embi! Yoh yoh yoh! sasingama khulu amahlanu (500).

Amapolisa eza kwakhona ne veni ezinkulu, izinja ne mipu. Sasicula u Nkosi Sikelel’iAfrika ngaphandle kwesikolo, singamakhulu amahlanu. Basixelela ngemiboko yokukhwaza okokuba masihambe Sathi Hayi. Emva koko bonke beza bebaleka emveni kwethu. Basibetha nge zabhokhwe nama khuni. Owu basibetha. Amanye amasana ayethe natya phantsi.

Okokuba unxibe izihlange wawubaleka zipoqe zilahleke. Abanye abantwana bakhubazeka, amasana onzakala. Yoh yoh yoh! la mini, yayi yimini enkulu. Phantse wonke umntu wonzakala. Zange ndonzakale. Ndabaleka. Ndandise mncinci ndisene milenza. Kodwa hayi wonke ubani wakwazi ukubaleka. Bamthatha uNgxobongwana bamfaka kwi veni.

Bamsa ehlathini bambetha, bambetha. Bambuyisa bambeka esikolweni. Wayesopha, engenathemba, imbambo zophukile, enye ingalo yophukile. Wayengakwazi ukwenza nto ukubuya kwakhe, engakwazi ukwenza kwanto. Wayophukile.

Waya esibhedlele, kwathatha ixesha, inoba inyanga ezintathu. Emveni kweloxesha waba bhetele. Waqhubeka ukubayi nkokheli yethu. Emveni koko qho xa efika amapolisa sasihlala phantsi, naye futhi.

uKungavumi uKuhamba

©Eric Miller

Enye yemini apho sasingavumi ukuhamba, kwakuse mveni kokuba intombi yam isando kuba nomntwana. Ngo 1978 okanye 1979. Ipolisa uMnumzana uBasson weza kwakhona wasifumana sihleli esantini eshushu, elangeni nomntwana.

Wathi kum, ‘Makhulu kutheni uhlala apha? Kutheni unga goduki?’ ndathi,’ ndingayaphi? Alikho elinye ikhaya kum.’ Wathi, ‘Wazalelwa phi?’ Ndathi,’ Ndazalelwa eWynberg, nina bantu nasigxotha khona.

Wathi, ‘Wazalelwa eWynberg, eKapa?’ Ndathi, ‘Ewe, nina bantu nasigxotha.’ Zange andiphendule wahamba. Yaba kokokugqibela esiza. Oko ndandikuthetha yayi yinyaniso. Andiqinisekanga okokuba kutheni bangazange baphinde babuye kwakhona, basishiya sabeka amatyotyombe wethu sahlala.