Viognier

Inkcazelo

Iviognier luhlobo olumhlophe lwewayini, ngokwemfuzo izalana nediliya iPiedmontese, Freisa. Igama lisuka kwigama iCeltic elichaza ukhuni.

Imvelaphi

Oludidi lusuka pha eDalmatia, eyaziwa nge Croatia namhlanje- apho inkokheli ase Romani uMarcus Aurelius Equitius Probus, wasolwa, ukuba wayithatha wayisa eFrance phakathi kwe 280 AD. Oluhlobo lwabetheka kakhulu ngubhubhane iPhylloxera, eyabhuqa idiliya zase Europe pha ekupheleni kwenkulungwane ye-19th yaphantse yaphela futhi.

Phakathi kweminyaka ye 1980s, izityalo zakwi Ntlambo yase Rhone, ekuthiwa ngeloxesha yayizizo ezaziwayo ze Viognoer apha emhlabeni, zala ziphelela kwi hektare eyi 20. Udumo lwale wayini lwalugqamile ngoko kunanamhlanje, iViognier ityalwa kwiindawo ezininzi zemveliso yesisiselo somdiliiya apha emhlabeni.

Amanye Amagama

Igama lokuqala loludidi lalubizwa iVugava Bijela, kwaye yaziwa njenge gama iPetit Vionnier kunye ne Vionnier.

Imveliso eMzantsi Afrika

U-Charles Back wase Fairview ePaarl wayenguye owayelifuthe kwisingeniso se Viognier eMzantsi Afrika. Isityalo sokuqala sathuthelwa eMzantsi Afrika pha kumnyaka we 1989 futhi uBack waba ngumvelisi wokuqala ukutyala nokukhupha iwayini enegama le-Viognier pha kwiminyaka ye 1990s.

Indawo ye Mveliso

Iviognier isamele iqela elincinci lendawo yokuvelisa iwayini eMzantsi Afrika. Oludidi lukhe lwatyalwa endaweni etyala iwayini apha eMzantsi Afrika, iPaarl yona ibalwa njenge yona ndawo enkulu kwezemveliso yale wayini, ilandelwa yi Swartland kunye neStellenbosch.

Nangona iindindi ezininzi ziphumelela phantsi kwemeko zemozulu ezishisayo, iintlobo yencasa eziphawulekayo zewayini zifumaneka xa iveliswe phantsi kwemeko zemozulu ezipholilelyo, umzekelo, kwiindawo ezisemazantsi okanye xa ityalwe kwindawo enemeko yemozulu epholileyo.

Ukukhula

Oluhlobo lukhula ngokuthobekileyo, nomlinganiselo oqikelelwa pha kwi hektare eziyi 6 t ukuya ku 8 t.

Ukuvuthwa

Ivuthwa kwasekuqaleni,ekupheleni kweyoMqun gu ukuya kwisiqingata sesibini kweyo Mdumba.

Amaqunube

Amaqunube amhlophe luhlaza anethinti elubhelu buntsundu xa avuthwe kakhulu. Amaqunube mancinci, amile okweqanda xa anesikhumba. Umphakathi unencasa efana kakhulu nesiqhamo.

Amagqabi

Amagqabi aphakathi ngomzimba, anxazonke, kwaye anamajikijolo amathathu ukuya kwamahlanu.

Izinambuzane ne Zifo

Idiliya kumele ziphelisiwe ukubaleka ukutshiswa lilanga nokwenzela ungeno lokukhanya. Oludidi lunkenenkene kwi-xoshomba elintofontofo kwaye lingaba ne-botrytis xa lityalwe kumhlaba ochumileyo.

Intsebenziso

Ithengiswa njengohlobo olulodwa okanye idityaniswe nezinye iwayini ezibomvu okanye ezimhlophe, ezifana ne Chardonnay kunye ne-Shiraz.

Incasa

Amawele ayo aseMzantsi Afrika asondezwa kwi mbali ezi-orenji, ipesika, isiqhamo semvula, ubusi kunye nezinongo zangaphandle.Translated by Aviwe Damane