Ukuphathwa ngo Nonophelo Kwezitshizi

© Louise Brodie

Izifo kunye nezitshabalalisi kufuneka zithintelwe okanye zilawulwe ngenkathalo; kwaye ngendlela engazukulimaza indalo okanye abantu. Ngethuba lolawulo lwezifo kunye nezitshabalalisi kufuneka kuhlale kukhunjulwa ukuba ukhuseleko nomgangatho wokutya kufuneka lubekhona.

Ngoko ke ingqwalasela kufuneka ibekwindlela zolimo ezivumelekileyo kwi ndalo kunye naseluntwini. Ukuze kufezeke oku, lemigawo ilandelayo kufuneka ilandelwe ngokuphathelelene nezitshizi zokulawula izifo kunye nezitshabalalisi: Abasebenzi ababandanyeka kulawulo lwezitshabalalisi kufuneka baqeqeshwe. Xa kusetyenziswa iikhemikhali, abasebenzi kufuneka bahlale belumkile.

Kufuneka bayikhathalele izixhobo. Nxiba rhoqo impahla ekhuselekileyo kunye nezixhobo. Ungatyi okanye usele okanye utshaye logama uxuba okanye ufaka iikhemikhali. Ungaphathi ubuso okanye isikhumba ngezandla ezinekhemikhali kwaye uhlambe izandla phambi kokutya.

Hlamba iimpahla yokusebenza yodwa kunempahla eziqhelekileyo kwaye ungayi ekhaya nempahla engcolisekileyo. Thintela imithombo yamanzi ekubeni ingcoiseke, ungachithi iikhemikhali emadamini okanye emachibini. Izitshizi zezifo kunye nezitshabalalisi kufuneka zisoloko zigciwa ngokwemiyalelo kwaye kufuneka kubenzima ukufikelela kwindawo yokgcina iikhemikhalo.

Qinisekisa uka izaziso zokhuseleko zibhalwe ngeelimi ezifanelekileyo. Izixhobo ezingcamisekileyo kunye nezokulwa umlilo kufuneka zihlale zikhona ukuze zisetyenziswe xa kuthe kwakho isidingo. Thintela ukusetyenziswa kwamagqongo angenanto ebekade enekhemikalo ngokusika imingxunya kulamagqongo emva kokuwasebenzisa.

Qinisekisa ukuba iintsapho ezihlala kufuphi ziyaziswa kwangethuba ngosuku lokutshiza. Vala iminyango kunye neefestile kwaye wothuke nempahla ecingweni. Abasebenzi akufunekanga bapake kwimizi yabo nge trekthara kunye nempompo yokutshiza kwaye abantwana bangavunyelwa ukudlala ngempompo yokutshiza.

Umsebenzi angadlali okanye afunqule umntwana logama enxibe imphahla ekusenokuba ingcolisekile, xa egodukile eyokutya kuba ikhemikhali ingangena kwisikhumba somntwana. Abasebzenzi ngezitshizo kufuneka bayokuhlowa ngugqirha kanye ngonyaka.

Translated by Zizipho Silwana