Izitshabalalisi Zemidiliya - Izinambuzane ezitya Imidumba

© Louise Brodie

Isinambuzane esitya Imidumba

Isinambuzane esitya imidumba sincinane kakhulu asinakubonwa ngamehlo enyama, sibukufana nombungu kwaye sisasazeka ngomoya, iiintaka kunye nezixhobo zokutyala ezosulelekileyo. Kunzima ukuzibona ngaphandle kwezixhobo kunye nange xesha lase busika phakathi kwimidumba.

Ezintlobo zintathu zemibungu zibakho kwintsimi yediliya yimibungu yediliya, isinambuzane esitya idiliya kunye nesinambuzane esitya amagqabi ediliya. Isinambuzane esitya imidumba senza owona monakalo mkhulu kunezinye. Ingakumbi kwi Hanepoot kunye ne Cabernet Sauvignon zibuthathaka kakhulu kwi sinambuzane esitya imidumba.

Iimpawu ziquka ukukhula oku goso-goso, izihlahla zemidiliya ezimile kakubi kunye namalungu aphakathi amafutshane kunye nokungalingani kwemidumba. Ezinye iimpawu zingabhidanisw nokunqongophala kwee minerali, yiyo lonto kufuneka kwenziwe uphando nge mayhkhroskopi ukuze kuqinisekiswe ukuba zikhona nyani ezi zinambuzane zemidumba.

Ukuba zininzi kakhulu, akuzukubakho kudubula kwemidumba kodwa ukuba kukhona ukuhluma, amagqab okanye izihlahla zomdiliya zingonakaliseka. Ulawulo nge khemikhalo ukukhusela isityalo sonyaka olandelayo kufuneka lufakwe kuphela emva kokuntshula kwemidumba xa izinambuzane zitshintshela kwezisandula kukhula.

Ixesha libalulekile kuba ezi zinambuzane zingayishiya imidumba kuphela emva kwexesha elincinci. Kanye emva kokudubula komdumba, ngethuba iintshula zibubude obumalunga ne 10-15cm, tshizisa kakuhle ngesibulali zonakalisi ezibhalisiweyo. Kufuneka kuphindwe kwakhona emva kwentsuku ezi 14.

Isinambuzane Esitya Iidiliya

Isinambuzane esitya iidiliya siyintlobo enye nesinambuzane esitya imidumba, kwaye sitya amagqabi ediliya. Oku kubangela ukudumba okubonakalayo okanye izilonga ngaphantsi kwe gqabi. Impilo yegqabi iyachaphazeleka. Ukusetyenziswa kwe sibulali ntsholongwane yokungunda ye sibabile kunganceda ukulawula isinambuzane esitya esitya iidiliya.

Translated by Zizipho Silwana