Uyityala njani Imifuno Yesintu

Two women planting vegetables in Vosburg.
Ukutyala imifuno yesintu udinga imbewu elungileyo, umhlaba, isichumisi kunye namanzi.

Sebenzisa Imbewu Esemgangathweni ukuze Ufumane Isivuno Esingcono

Isivuno esisemgangathweni sinyanzelekile xa ufuna ukuvelisa isivuno esihle. Imbewu elungiswe ekhaya ingase mgangathweni xa ilungiswe kakuhle, icocekile kwaye igcinwe kwindawo eyomileyo.
Ukusebenzisa imbewu esemgangathweni kuqinisekisa ukuvelisa izithole ezininzi (ngesiqhelo ngapha ko 85%), izithole ezomeleleyo netyalo ezikumgangatho ofanayo. Ukusebenzisa imbewu elungileyo kuqinisekisa ukukhula okukhawulezileyo nezityalo ezinyamezela kwinkumbi, izifo nembalela. Imbewu esemgangthweni kufuneka ifumaneke kwizityalo ezingadliwanga yinkumbi, engenazifo.
Kufuneka zibengumbala, umlinganiselo ofanayo nebume obufanayo zingabinalo ukhula nempuphu. Xa imbewu incinci kakhulu, xuba nomhlaba okanye uzomise (umgquba olungileyo).
Umlinganiselo wembewu kumgquba uyohluka kuxhomekeka okokuba ufuna utyala nzulu kangakanani isivuo sakho. Xuba imbewu nomhlaba kakuhle ugcwalise imbombozi ezilith ezimini ye siselo ngalomxube wembewu-nomhlaba. Yenza umxuma kwisiciko sebhotile ulime kumgca othe ngqo.

Usityala njani Isivuno Sezityalo Zamandulo

Lula intanjana phakathi kwe pegs ukuze yoluleke, imiqolo eqelelene ngokwaneleyo. Ukuqelelena kwemiqolo kuzakuxhomekeka kwisivuno osityalayo. Ukutyala zisondelelelane kunye kungonyusa ukhuphiswano lwelanga namanzi, kudwa izizityalo ezikhula kwindawo yonke, oku kuthetha okokuba kukho uncedo lokuba zikhule ngakumbi. Ukuzohlula kakhulu izityalo kuqinisekisa indawo eyaneleyo yokhula nokunkcenkceshela.
Xa ulima, sebenzisa ikhuni ukwenza ungxuma emveni kwentambo. Hlukuhla imbewu kwhotile yesiselo kulomqolo ze ugqume kancinci ngomhlaba. Sebenzisa amanzi asematsha ukunkcenkceshela imbewu yakho.

Uwusebenzisa njani Umgquba Ukukhulisa Izityalo Zemifuno Yamandulo

Zonke izityalo zemifuno zamandulo zalapha e-Afrika zidinga umgquba okanye izichumisi ukuze zikhule ngokukhawuleza. Izityalo ezikhula ngamandla ziyanyamezela kwiinkumbi nezifo kwaye zivelisa isivuno esiphezulu.
Umgquba wasebuhlanti ofana nowenkomo, ibhokhwe, okanye itela yeenkukhu zikwixabiso eliphantsi kune zichumisi zekhemikhali ezingaxutywanga kwaye zinga nceda amafama afumane isivuno esikumlinganiselo ophezulu. Xa umfama enobuhlanti, yindlela elula kwaye engabiziyo ukusebenzisa umgquba wezilwanyane ukwenza izichumisi zokuchumisa izityalo zegadi zemifuno.
Uwenza njani, kwaye uwufaka njani umgquba wase fama:
Qokelela ubulongwe bezilwanyana ebuhlanti.
Beka ubulongwe kwizicuku ezimela emadolweni. Amalongwe angaqokelelwa ngqo egadini ngexesha lonyaka elomileyo okanye ingagcinwa kwindawo elinganayo ekufuphi ebuhlanti.
Wuyeke uphasalake njengoko oku kuzakunikeza iziphumo ezingcono.
Phami kokufaka lomgquba, wuxub nomhlaba.

Usenza njani Isichumisi ngo Mgquba

Ukwenza sichumisi ngomgquba nokufaka oko emhlabeni, kunyusa ukuchuma komhlaba wakho uncede ukunikeza izinongo kwisivuno ukuze somelele.
Ukwenza isichumusi, uzakudinga ingca eyomileyo efana ne mizi, amazimba, umbona, millet straws, iimbotyi, imbotyi ze soya, nesiqu se groundnut okanye ukhula olomileyo.
Uzakudinga okuhlaza (ukhula, ukucheba ihedji namaxolo emifuno) nobulongwe benkomo, itela yenkukhu, ubulongwe be bhokhwe nee gusha.
Ukogquma izichimisi zakho, udinga umhlaba wangaphezulu, amaphanga omthi, izegqumathelo zeplastiki, ikhaphethi okanye ingca eyomileyo, uzakudinga namanzi, ikhuba okanye umhlakulo.lungisa umgxuma omde.
Ingabubo nobungakanani ubunzulu, kwaye nobude buxhomekeke koko unako.
Beka amahlahla okanye okunqunqiweyo emazantsi. Faka isichumisi, utshintsha ntshintsha ezifumileyo nezomileyo.
Ezifumileyo zizinto eizfana neentwanantwana zokutya, iziqhamo, amagqai eti, okanye seaweed. Ezomileyo ziquka imizi, amagabi, sawdust ne wood ash.
Ngoku, faka umgquba, ohlaza, (ofana nengca ekhiweyo) okanye noba yeyiphi enikeza umoya initrogen.
Gquma nokuba kungantoni onayo - iinkuni, iplastiki, iziqwengu ze khaphethi, umhlaba ongaphezulu, okanye ingca ukuyigcina ifumile, kodwa ingasokishwa okanye ifane nomhlaba.
Nkcenkceshela ngamanye amaxesha, okanye uyekele imvula ikwenze oko. Guqula rhoqo kwintsuku ezimbini.
Hlakula sisicuku ngefotsholo okanye umhlakulo. Xa isicuku sakho somgquba sele senzekile, yongeza ezinye izinto ngokuzidibanisa, kunokuzongeza ngezicuku.
Ukuxuba okanye ukuguqula isicuku somgquba ngundoqo ekulungiseni umgquba ukuze ukhawulezise ulungiseke.

Translated by Zikhona Plaatjie