uShishino Loku Nkonkxa Lwase Mzantsi Afrika

©Glenneis Kriel

Umbutho we The South African Fruit and Vegetable Canners Association wasekwa ngo Januwari ka 1954. Lo mbutho unamalungu angama 20 namele ushishino lwe ziqhamo, amapayna, imifuno kunye noshishino lwe tamati. Ezona ziqhamo zinkonkxwa kakhulu eMzantsi Afrika ziipesika, aprikothi, amapere, iigwava kunye nama payna

Imimandla Evelisa Iziqhamo Ezinkonkxiweyo

©Louise Brodie

Ushishino lwamapayina luncinci eMzantsi Afrika, xa luthelekiswa namanye amazwe. Kukho umfama omnye wamapayina kwiPhondo lase Mpuma Koloni, nonemveliso ebalelwa kuma 70% emveliso epheleleyo yelizwe liphela. Amapayna akwaveliswa nakwiPhondo laKwaZulu Natal. Olu shishino lwathwaxeka ngomnyaka ka 2007 ngethuba kufumaneka iintsalela ze cadmium kumapayina ayethunyelwe kwilizwekazi lase Europe. Oku kwakhokelela ekubeni amafama ahlale nemveliso engenabathengi. Olu chaphazeleko lwaluyanyaniswa namafama ambalwa, nawathi asebenzisa isichumiso esinale methali engazi. 

Ilizwe lo Mzantsi Afrika lihamba phambili kwintengiso zamanye amazwe kushishino lwe aprikothi ezinkonkxiweyo. Eli lizwe likuluhlu lwesithathu kushishino lwamazwe angaphandle kwihlabathi jikelele. Uninzi lwezi ziqhamo ziveliswa eKlein Karoo ekwiPhondo le Ntshona Koloni. Kodwa ke, amafama kwanyanzeleka ukuba alahle malunge nama 5000 eetoni ze aprikothi zohlobo lwe Bulida; aze asiphula nemithi emininzi ngethuba elishishini labanemveliso egqithileyo ngomnyaka ka 2013/2014. 

Ubuninzi beepesika namapere ankonkxiweyo akwa veliswa eNtshona Koloni, logama iigwava ziveliswa kumaPhondo eNtshona Koloni, Mpumalanga kunye nase Limpopo.

Intengiso

Ushishino lokunkonka lunokhuphiswano oluninzi kwaye lidinga imali eninzi xa kusaqalwa. Nto leyo ibangela ukuba babe mbalwa abavelisi kwihlabathi. Abalimi base Mzantsi Afrika, bavamise ukutyikitya isivumelwano sethuba eliphakathana ukuya kwelide lokuthengisela omnye okanye abathathu babavelisi abathengisa eMzantsi Afrika. Aba bavelisi bathengisela amazwe angaphandle isibalo esingaphaya kwama 80% ezi ziqhamo zinkonkxiweyo kwihlabathi liphela, ukusuka kwilizwekazi lase Europe ukuya eNtshona.

Imisebenzi

©Marinda Louw

Iziqhamo ezinkonkxiweyo zingonwatyelwa zinjalo, kuphekwe ngazo, kubhakwe ngazo okanye zifakwe kwizi muncu muncu ezityiwe emva kwesidlo. Imifuno neziqhamo ezinkonkxiweyo zizele yi dietary fibre kwaye uphando olwenziwe lisebe Le Sayensi Yokutya-Department of Food Science and Human Nutrition elikwi Dyunivesithi ye Illinois lufumanise ukuba ezi ziqhamo nemifuno enkonkxiweyo ifana kanye nenga nkonkxwanga. Olu phando luphinde lwaphangalaliswa ngomnyaka ka 1997. Olu phando lutsha, The Nutrient Conservation in Canned, Frozen and Fresh Foods, lucakace izinongo ezikwi ziqhamo nemifuno ekwiinkonkxa ezingama 35, kwakunye nentlanzi. 

Iziqhamo ezikoluphando luquke ama apile, aprikhothi, blackberries, blueberries, grapefruit, mandarin oranges, ipesika, amapere, paynapile, plums, amaqunube, cherries, itumato ezicujiweyo nezipheleleyo kwakunye nee olives. 

Imifuno yona iquke i-asparagus, beets, iminqathe, umbona, iimbotyi eziluhlaza, amakhowa, ispinatsi, ibhatata kunye neetapile ezimhlophe. 

Olunye uphando lufumanise ukuba ngethuba zigqatswa ngobushushu ezi mveliso, konakalisa izinongo ezithile, ezifana ne Vithamin C kunye ne folic acid kwakuney ne antioxidants.

Translated by Zizipho Silwana