Umhlonyane Ayisiyo Cape Chamomile

© Alice Notten of Kirstenbosch
Elihlahlana lamagqabi asilivere kunye neentyatyambo ezimhlohe libizwa nge Eriocephalus africanus kwaye lelo sapho lwe Asteraceae. Ithiywe ngeentyatyambo ezinoboya. Umhlonyane ukwabizwa nge kapokbos ngolwimi lwe Afrikaans. KuMazantsi eAfrica kukho iindidi ezine ze Eriocephalus, kwaye zonke zintshula eziziqhamo zibuboyarha. I-Eriocephalus africanus (umhlonyane) akufanelanga uphazanyiswe ne Eriocephalus punctulatus okanye i Cape chamomile.
Ama Khoi kunye nabaphambukeli base Koloni bokuqala babewusebenzisa umhlonyane ukunyanga izisu eziqaqambay, ngengesonwabiso kwakunye nesithomalalisi sengqondo. Kwakucingelwa ukuba ikwanceda nenwele zikhule, ukuyeka imikhwa esele isegazini, kwakunye nengcinga ezimbi/ezibuhlungu. Ngokufanayo ne rosemary, umhlonyane uswabulula umzimba nengqondo, kwaye unceda kumva ndedwa nengcinga ezimbi, kwaye uthomalalisa ukucinga kakhulu, uvalo kunye nomsindo.
Le oli iphelisa ukuxhuzuleka (kwezihlunu, kokuphefumla kunye nokucoleka kokutya esiswini) kwaye ikwaluncedo nasekuyekiseni ukopha. Izithako zayo ezibulala iintsholongwane nezifo ezosulelayo zikhuselo umzimba ekosulelekeni. Ikwasetyenziswa nanjenge sicoci (ukukhupha ubumdaka emzimbeni), inyanga ukhohlo-khohlo, imikhuhlane kwaye inyanga neentloko eziqaqambayo. Xa ukhuhla amagqabi wesisityalo kuphuma ivumba elimyoli le camphor.
Ikhula ingakumbi eNamaqualand, eNtshona kunye nase Mpuma Koloni. Lamagqabi asilivere anceda ukubuyisela ukukhanya kwelanga, ukuze kunciphe amaqondo obushushu asemagqabini kunye nolophu. Le yenye yendlela esi sityalo sigcina ngayo amanzi xa sikhula kwindawo ezomileyo. I-Eriocephalus ikholwa lilanga elaneleyo kunye nomhlaba okwwaziyo ukufunxa amanzi.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zizipho Silwana