Umgquba Wee Nkowane

©Marinda Louw

Umgquba usisi seko solimo lwee nkowane. Izinto owenziwe ngazo kunye nomgangatho womgquba uza kuchaphazela umgangatho kunye nesivuno sesityalo senkowane. Kubalulekile ukuba umgangatho wenkowane ufane, ukuhlala uvelisa iinkowane ezikumgangatho ophezulu iba ngumceli mngeni kwaye udinga ubuchule nesakhono. 

eMzantsi Afrika, unintsi lwamafama eenkowane ayazivelisela umgquba wawo. Kumazwekwazi ase Europe nakwamanye amazwe, kukho imizi mveliso emikhulu ejongene nokuvelisa umgquba wokulinywa kweenkowane zentengiso.

Indlela Yokwenza Umgquba Wee Nkowane

©Marinda Louw

Umgquba osemgangathweni uyinxalenye ebalulekileyo ekukhuleni kweenkowane. Kufanele wenziwe ngezithako ezilungileyo kwaye uphathwe ngendlela eyiyo kwase kuqaleni. Zininzi izithako zokwenza umgquba kwaneendlela zokuwenza. Konke oko kuye kuxhomekeke kwizinto ezikhoyo kwifama nganye Ngezantsi ngumzekelo omnye kwemininzi. 

Kwilizwe loMzantsi Afrika, umgquba weenkowane wenziwa ngengca yengqolowa, imanyolo yeenkuku kunye namanzi. Kuye kugalelwe ne gypsum ukuphucula ubume bawo, ukuphuhlisa ipH naseku ncedeni ukuphuma kwe ammonia kumgquba. 

Kungagalelwa ingca yengqolowa engama 1000 kg (enobumanzi obuyi 15%), ama 800 kg etela zenkukhu eziyimileqwa (ezinobumanzi obungama 40%, nitrogen 4%) kunye nama 85% egypsum. 

Ingqolowa ingamanziswa toxo kangangeentsuku ezintlanu okanye ezintandathu, ze zicazululwe zidityadiswe nemanyolo encinci. Emva kokuzidibanisa ze ziyekwe zibethwe ngumoya iintsukwana ezimbalwa kungabe sekugalelwe yonke imanyolo eseleyo. 

Ukwenziwa komgquba kuquka ukuxuba izithako, ukuzibethisa ngomoya nokuzigalela amanzi (ukugalelwa kwawo amanzi kuthintela ii-anaerobic malodours). Njengokuba umgquba uya uyondelelana, amaqondo obushushu ayaqala ukwenyuka afikelele kuma 70℃.

Emva kwee veki ezimalunga nesithathu, umgquba uba pasteurized. Kwaye ngeli xesha, initrogen ijikwa ibeyi protein neye isebenze njengomthombo wokutywa kweengcambu zeenkowane, nezithi zincedise ekukhuleni kweenkowane. 

Xa sele umgquba weenkowane ulungile, uye ugalelwe kwiishelufa okanye kwiingxowa ngaphambi kokuba ugalelwe iimbewu/spawn senkowane.

Umgquba Wee Nkowane Osetyenzisiweyo

Emva kokuvuna, igumbi ekutyalwe kulo liyacocwa ngomophu, ze umgquba osetyenzisiweyo ukhutshwe efama. Umgquba weenkowane osetyenzisiweyo udume ngokusetyenziswa kwizitiya neegadi. Kodwa ke, kucetyiswa ukuba uphindwe uvundiswe ukuze kuqhekeke kwa mathiriyeli ibingekacoleki kakuhle. Umgquba weenkowane ungongeza izinongo zendalo emhlabeni, nezingenza ukuba umhlabe ubenakho ukubamba amanzi. Ukwanika nethuba lokuba iimicrobes zomhlaba zibenento yokutya. Oku kuzakukhupha izinongo ezivaleleke emgqubeni.

Translated by Zizipho Silwana