Ulawulo Lwesityalo I-Asparagus
Isivuno - itoni nganye kwihektare
Imveliso epheleleyo yenzeka emva kweminyaka emihlanu
Ulondolozolo olufanekileyo: iitoni eziyi 5
Umyinge: itoni eziyi 8
Olulungileyo: iitoni eziyi 12
Ukuvuna
Ukuvuna kumele kwenzeke emva kweminyaka emibini ukunika i-Asparagus ixesha elaneleyo lokukhula ibesisityalo esigqibeleleyo. Imveliso epheleleyo yona kumele yenzeke kunyaka wesihlanu. Eyona ndlela ifaneleyo yokuvuna i-Asparagus kukusebenzisa isandla kunye nemela yokuxoza.
Lonto yenziwa emveni kokuba iingcambu zivelile, futhi phambi kokuba zikhule zisasazeke, zinqunyulwa kangange 50mm kwindawo ekhula kuyo evelisa iingcambu ezingange 200 ukuya kwi 250mm ngobude. Akulunganga ukuba i-Asparagus ikhule ixesha elide ngaphezu komhlaba kuba iye iphelelelwe yincasa kwaye iqine.
I-Asparagus iyavunwa nango matshini, kodwa lenkqubo ayikhethekanga, nangona ikhawuleza kwaye ingaxabisi kakhulu, iyakwazi ukunciphisa isivuno kangange 40%.
Ukugcinwa kwe-Asparagus
I-Asparagus sisityalo esikhawuleza simoshakale kufuneka kwaye kufukuneka ithengiswe ngoko nangoko. Yivune uze uyipholise i-Asparagus ibekwiqondo eliphakathi ko 0 kunye no 2. Ukufuma kwendawo yokuyigcina kufuneka igcinwe ikwiqondo elingapha ko 90% yokufuma ukuze i-Asparagus ingomi. Phantsi kwezimeko i-Asparagus ingagcinwa kangange ntsuku eziyi 14.
I-Asparagus kufuneka igcinwe kwaye ibekwe kwiqethuka lendawo kuba iingcambu ziqhubeleka zikhule nasemveni kwesivuno. Ukuba ayigcinwanga ngoluhlobo ingophuka kwaye ingathengiseki.
Izinambuzane
Izinambuzane ze-Asparagus kunye ne Cut worms.
Izifo
Ukubola kwe-Asparagus kunye ne Fusarium wilt.
Translated by Aviwe Damane