Ukutyala I-Asparagus

© Louise Brodie

Usasazo

Usasazeko lwesityalo lwenzeka ngenxa yembewu.

Indlela Yokutyala

Uhlwayelo lwembewu ye-Asparagus luvumelekile kodwa kungcono xa utyala imbewu kwisitiya sasendlini emva kweenyanga ezilishumi (10) ungatyala ngaphandle izithole ezinamandla. Uphinde wenze umsele obanzi owakhiwe njengo V, ongange milimitha eziyi 200 mm ngobunzulu kwindawo ekutyalwe kuyo uze utyale imbewu kumsele, uwogqume ngomhlaba ongange milimitha eziyi 50 (50 mm). Xa sele imbewu kunye neempondo zesityalo zimilile, xa isityalo sikhula, sebenzisa umhlaba orhabaxa/ oseleyo ukuqinisekisa ukuba intloko yesityalo igqunywe ngumhlala ongange milimitha eziyi 150.

Ulwahlulo lwezityalo

Izityalo kumele zohlulwe ngesentimitha eziyi 20 ukuya ku 30 ngaphandle kwimiqolo ehlulwe ziisentimitha eziyi 150 ukuya kwi 200. Lento iphakathi kwe 20 000 ukuya ku 30 000 yezityalo nga-hektare enye..

Ixesha lokuhlwayela

Hlwayela imbewu ekupheleni kweHlobo ukuya pha ekuqaleni koKwindla kwaye emva kweenyanga ezilishumi, amathole okanye ezityalo, azobe elungele ukutyalwa ngaphandle.

Ixesha Lokutyala

Ukutyala kwenzeka ekuqaleni kweNtlakohlaza kude kuqale eyoHlobo. Ukusuka kweyeThupha ukuya kweyeNkanga, pha eMzantsi Afrika.

Ixesha Lokukhulisa

Izityalo ze-Asparagus zihlala ixesha elingange minyaka eyi 15. Zikhula ngexesha lwemveliso yeengcambu futhi kuvunwa ukusukela kweyeDwarha ukuya kweyoKwindla. Ekupheleni kweNtlakohlaza ukuya ekuqaleni koKwindla.

Uchumiso

Phambi kotyalo lwe-Asparagus, umhlaba kufanele ahlolwe ukuqinisekisa ukuba uyazifumana zonke iimfuno zesondlo. Xa umhlaba ugcwele i-asidi, i-lime mayisetyenziswe kwaye ilinywe emhlabeni kwinyanga enye phambi kokuba kutyalwe. Phambi kotyalo, umgquba weenkukhu okanye ikhilogrem eziyi 1000 zomxube i-NPK 2:3:2 kufuneka zisetyenziswe zifakwe kumphezulu womhlaba ongange milimitha eziyi 400.
Xa izityalo zizinzile kwaye neempawu zokuqala zeengcambu zibonakala, faka futhi ikhilogram eziyi 800 ngokwe-hektare ze 2:3:4. Xa intloko zokuqala zivuniwe, kumele kufakwe i-nitrogen engange khilogrem eziyi 150 ngokwe-hektare ye-LAN engasasazwa phakathi kwezityalo. Isicelo sokugqibela sovuno, kukusebenzisa iikhilogram eziyi 150 ngokwe-hektare ye-Lan ezinikwa iiveki ezintandathu nje emva kwexesha lesivuno.

Unkcenkceshelo

Nkcenkceshela ngamanzi angange milimitha eziyi 25 ukuya ku 30 qho ngeveki, kude kuphuhle inkqubo yenxaso yeengcambu futhi olunkcenkceshelo lungaqhubeka njalo kwintsuku eziyi 14 ngexesha lokuvuna. Xa imvula isina, olunkcenkceshelo lunganqumlwa futhi naxa kunembalela okanye imozulu eshushu efumileyo, ezizicelo zingongezwa.
Nakanjani, qiniseka ngokusebenzisa inkqubo ehlola ukhuseleko lomhlaba, noba uhlola ngophenyo lwe-neutron, iimitha yokulinganisa okanye ngezandla zakho usebenzisa umhlakulo.

Translated by Aviwe Damane