Ukuvunguza Umhlaba, Ukuhlakula Kunye ne Harrowing

Ukuvunguza Umhlaba

Igama elithi tillage libhekisele kumhlaba ozakulinywa. Oku kuquka ukuhlakula, harrowing okanye tilling. Zonke ke ezi zingenziwa ngezandla (ngomhlakulo) okanye ngemitshini, nezixhobo njengoko kubonisiwe ngezantsi. Itilling yomhlaba ikwathetha nokulungiselela umhlaba ozakuhlwayelwa kuwo imbewu kwakunye nokusebenza umhlaba ongaphezulu. Lomhlaba ke unobunzulu obungama 20cm ukuya kuma 30cm.

Ukuhlakula

©Roger de la Harpe
Ukuhlakula kukuvunguza emhlaba nzulu. Oku kuxhomekeka kwisityalo esiza kulinywa, ubunzulu bengcambu yesityalo kwakunye nobume bomhlaba. Ukuhlakula kuvamise ukwenziwa ukuba kukho izinto ezinokuthi zithintele ukukhula kweengcambu kunye nokufunxeka kwamanzi. Ukuba umhlaba upakishene, ukuhlakula kunceda kuvunguze lomhlaba ube yeke-yeke.
Ukuba isichumiso esenziwe ngekhemikhali, esingenazikhemikhali, umgquba, iimanyolo okanye iilime idinga ukugalelwa emhlabeni ozakuhlala iingcambu, oku kungenzeka kakuhle xa umhlaba uhlakuliwe. Oku kuvamiswe ukwenziwa ubunzulu obuphakathi kwama 30 cm kunye ne 100cm.

iHarrowing

©Roger de la Harpe
Zimbalwa iindidi ze harrowing, kodwa ezona zixhaphakileyo zi disk harrow, spike kwakunye ne spring tooth harrows. Iharrow sisixhobo esisetyenziswa ngamafama ukugangatha nokulungisa umhlaba phambi kokuhlwayela imbewu okanye izithole. Iharrow isetyenziswa ukuqhekeza umhlaba isiphule nokhula okanye iintsalela zezityalo ezisemhlabeni. Oku kwenza nomhlaba ukuba ufane wonke, nto leyo yenza kubelula ukuba iingcambu eziselula ziphuhle kakuhle.

Translated by Zizipho Silwana