Ukutyalwa kweMifino

© Louise Brodie

Ukwandiswa

Yandiswa ngembewu.

Indlela Yokutyala

Kuhlwayelwa imbewu ngqo. Umhlaba ungancitshiswa ukuqinisekisa ukuba kukho imityhi efaneleyo. Imbewu kufanele ityalwe kubunzulu obungama 20 mm. Izithole zingatyalwa kwii treyi zembewu zize zityalwe emhlabeni xa sele zikhule zazi sentimitha ezilishumi.

Ukuqelelanisa

Izityalo kufuneka ziqelelane kangaka ngama 10 cm ukuya kuma 20cm kwimi qolo engama 30 cm ukuya kuma 40 cm ukuqelelana. Ezi zizityalo ezingali 16 ukuya kuma 30 kwi m² ngasinye. Ze ubengama 160 000 ukuya kuma 300 000 ezityalo kwi hekthare nganye.

Ixesha Lokutyala

Nangona esi sityalo singatyalwa unyaka wonke, ukuba imozulu ilungile, eMzantsi Afrika mabini awona maxa okutyala asetyenziswayo. Yinyanga ka Januwari ukuya kweka Epreli ukuba ubusika abubandi kakhulu kunye no Agasti ukuya ku Disemba.

Isithuba Sokukhula

Ukuvunwa kwamagqabi okuqala angaphandle kungaqaliswa phakathi kweentsuku ezingama 70 ukuya kuma 80 ukusukela kutyaliwe. Ukuqinisekisa amaxesha amade emveliso kunye nesivuno esikhulu, imifino idinga umthombo ongapheliyo we naytrojini emhlabeni.

Ukuchumisa

Phambi kokutyala ngethuba umhlaba usalungiswa, ucocwa kufakwe nesivundiso; makuqale kugalelwe isibalo esiphakathi kwama 700 kg kunye nama 1000 kg esinomxube omninzi we naytrojini, Phosphates kunye ne Potassium ngoluhlobo 2:3:2. Lomxube kufanele ugalelwe kumhlaba ongaphezulu. Emva koko, ama 250 kg of LAN kufuneka ugalelwe kwiveki ezine kwakhona kwiveki ezisibhozo emva kokutyala. Ukusetyenziswa kwe manyolo yee nkukhu ene naytrogini ephezulu, nako kunganyusa isibalo sesivuno kangange toni ezingama 70 kwi hekthare nganye.

Ukunkcenkceshelwa

Kwinyanga yokuqala yokukhula kwesityalo umhlaba kufuneka ujongwe yonke imihla ukuqinisekisa ukuba isityalo asikh kunxinzelelo lwamanzi, kuba esi sityalo sinochuku kakhulu koku. Kumaqondo obushushu aphezulu xa umhlaba usoma msinya, kufuneka kunkcenkceshelwe kanye okanye nakabini ngeveki. Kwiindawo ezipholileyo ukunkcenkceshelwa kungandiselwa emva kwee ntsuku ezili 14 kwimihlaba esindayo. Kukhunjulwe ngalo lonke ixesha ukuba imifino kunye neengcambu zayo ezisenyeleni yomhlaba, inochuku kuxinzelelo lwamanzi. Kubalulekile ukujonga ubukho bamanzi kabini ngeveki.

Translated by Zizipho Silwana