Ukulawulwa kweSityalo seMifino

© Louise Brodie

Ukutshintshwa Kwesityalo

Yindlela elungileyo ukutshintsha izityalo xa kuveliswa imifino. Ukutshintshwa-tshintswa kuthintela ukupakishana kwezitshabalalisi kunye nezifo. Tshintsha-tshintsha kunye namathanga, iimbotyi, iiletasi, iitamati, ikhaphetshu kunye nee tapile.

Isivuno - Iitoni kwi hekthare nganye

Esiqhelekiley: 20 iitoni
Esiphakathi: 30 iitoni
Esihle: 50+ iitoni

Ukuvunwa

Iqhele ukuvunwa ngesandla ngee mela ezibukhali okanye ngezikere ezincinci zokuvuna kwindawo ezincinici. Oku kuvumela abalimi ukuba bavune ixesha elide ze bandisa isivuno. Sika kuphela malunga nama 40 mm phezu komhlaba. Oku kufuneka kwenziwe rhoqo ukuphuhlisa ukukhula nokunyisa isivuno. Kwifama ezinkulu zentengiso kuye kuvunwe ngemitshini maxa wambi. Kwezi mveliso zinkulu isivuno naso sibasikhulu.

Ukugcinwa

Imifino ayihlali xesha lide kwaye kufuneka igcinwe kwindawo esemthunzini kwamsinya emva kokuvunwa. Ihlala xa igcinwe kumaqondo aphakathi kwe 2°C kunye ne 4°C kwindawo enokufuma okungaphezu kwe 85%. Imifini kufuneka igcinwe kwisikhenkcezisi isithuba seentsuku ezi 7 phambi kokutyiwa ukuqinisekisa imveliso esemgangathweni. Ngoko ke lemveliso kufuneka ifikelele kumthengi xa kanye isandula kuvunwa.

Izitshabalalisi

Imibungu yeengcambu,Umbundane,Iintwala, Hawaiian Beet Worm, Loopers, Leaf Miners kunye nemibungu.

Izifo

Amabala amagqabi,iDowny Mildew, iCurly top kunye nokungunda okuphuqekayo.

Translated by Zizipho Silwana