Imifino

© Louise Brodie

Igama le sayensi: Beta vulgaris var. cicla
Igama eliqhelekileyo: Imifino

Inkcazelo yeSityalo

Isityalo esinamagqabi amenyezelayo akrwamzayo okanye amagqabi aluhlaza ocacileyo. La magqabi anobude obungama 25 cm ukuya kuma 40 cm kunye nama 15 cm ukuya kuma 20cm ububanzi. Amagqabi aqala ame nkqo xa esakhula, kodwa njengokuba uhlaza luya luqina amagqabi aya ngoshwabana. Iintlobo ezahlukileyo ezininzi zinganemibala eyahlukileyo yeziqu. Le mibala yahlukileyo yenza kubelula kwezentengiso nokuhombisa kwivenkile zokutya neziphekayo. Isityalo singakhiwa iminyaka emibini, kumane kusikwa amagqabi xa sele ekhulile.

Imisebenzi

Amagqabi ayaphekwa kwaye amagqabi aselula angatyiwa eluhlaza kwii saladi. Amagqabi angakanyelwa ijusi. Esi sityalo sinezinga eliphezulu le Vitamin A kwaye ine folates eziphezulu. Isisidlo esisempilweni kakhulu ebantwaneni.

Izidingo Zomhlaba Namalungiselelo

Ingatyalwa kwindidi zemihlaba ezininzi, kodwa esi sityalo sichuma kakuhle kwimihlaba efumileyo eyisanti, nekwaziyo ukufunxa amanzi; nene pH ephakathi kwe 6 kunye nesi 7. Esi sityalo asikwazi kumela nemihlaba ene asidi, ngoko ke kungadingeka ukuba kugalelwe iDolomitic Lime ukunyusa umhlaba ubengaphezulu kwe 6pH.

Imozulu

Imifino sisityalo semozulu epholileyo kwaye singachuma kumaqondo aphakathi kwe 8 kunye nama 25°C. Esi sityalo asimelani nengqele engaphantsi kwe 5°C okanye ubushushu obungaphezu kwama 28°C. Nangona esi sityalo singaphila phantsi kweqabaka yexeshana ayikwazi kuyinyamezela kwaphela. Amaqondo aphezulu adodobalisa ukukhula kwamagqabi.

Iindidi zeSityalo

Magenta Sunset, Fordhook Giant, Canary Yellow, Lucullus, Flamingo Pink, Red Rhubarb kunye ne Barese ukubala ezimbalwa.

Translated by Zizipho Silwana