uKutyala iSweet Pepper

© Louise Brodie

Ukusasazwa

Ukusasazwa kwe Sweet Pepper.

Indlela Yokutyala

Imbewu ye Sweet Pepper ityalwa ngqo emhlabeni, kodwa ke le ayisiyiyo indlela amafama athengisayo alima ngayo. Imbewu ityalwa kwii bhedi ezilungiselelwe ukutyala okanye ngee treyi zembewu. Imbewu iyahluma izithole ziveliswe. Xa izithole sele zihlumile sele zibubude obungu 15cm kwaye zomelele ngokwaneleyo ziyasuswa zisiwe emasimini.

Ukwahlula – Hlulwa

Izityalo zehlulwa umgama ongange 40 ukuya ku 50 cm kwimiqolo engu 50 cm ukwahlukana kwimigca ekhofoliweyo ukuze kwenzeke izithuba ezinkulu kwimiqolo emibini ukuze abasebenzi nezixhobo zihambe lula. Oku kufuna phakathi ko 30 000 no 45 000 wezityalo nge hectare kuxhomekeke kumgama ngoku gqitywe ngumkhulisi okanye umvelisi.

Ixesha loku Hlwayela

Kwindawo ezikhuselekileyo ezifana nezindlu eziluhlaza (greenhouse) okanye apho ubushushu bobusika ne ntwasahlobo bushushu ukuhlwayela kungaqala ngeye silimela okanye eyekhala. Xakusenziwa izithole ngaphandle esidlangalaleni, imbewu iyalinywa ekupheleni kwenyanga ye Thupha ukuze ziphose isimo sezulu esibandayo se ntwasahlobo.

Ixesha Lokutyala

Kwiveki ezintlanu ukuya kwezi ntandathu emveni kokuhlwayela imbewu ye sweet pepper kwizithole kungaqala. Oku ke kuzaba sekupheni kwenyanga ye Thupha kwisimo sezulu esishushu ukuya phakathi kweyo Msintsi. Ukutyala kungenzeka de kubesekupheleni kweyomnga.

Ixesha loku Khula

Ukususela kwi mbewu ukuya kwi siqhamo esivuthiweyo esiyimibala ngemibala (bomvu, tyheli, mfusa, mhlophe okanye orenji). kungathatha ukufika kwinyanga ezintlanu ukuvuna.igreen pepper ayivuthwa ncam kwaye ingavunwa ukususela kwiveki ezisibhozo emveni kokutyala izithole.

Izichumisi

Kuye kucetyiswe okokuba lendawo yokutyala ihlolisiswe ngulowo usebenza ngezolimo kwingingqi kunye nomcebisi wezokutyebisa umhlaba phambi kokuba kutyalwe. Indlela eqhelekileyo kuchumisa ipeppers ingalendlela ilandelayo: qinisekisa okokuba umhlaba ukhofoliwe kakuhle kwaye ugangathiwe. Xa kukhofolwa okokugqibela kuye kusetyenziswe okwaziwa ngokuba yi disc plough faka okufakwayo phambi kokuba kukhofolwe ephakathi ko 800 ne 1000 ye kilograms ezingumlinganiselo ongu 2:3:4 (30) (umxube we Nitrogen, phosphates, ne Potassium) ngaphezulu kangange cm esingamashumi amabini emhlabeni.
Xa kusetyenziswa unkcenkceshelo lwe driphu kungcono ukusetyenziswe umlinganiselo ofanayo wesichumisi esingamanzi kwiveki ezine zokukhula nasexesheni lokukhula leveki ezintathu phambi koku vuna isiqhamo esele sivuthiwe. Ukunkcenkceshela ngaphezulu okanye isikhukhula sokunkcenkceshela faka umlinganiselo we 250 kg ye LAN ngokwe hectare kwiveki ezintandathu emveni kokuba kutyaliwe. Xa kufakwa okwesibini, kungohlulwa phakathi ngokubini kwisithandathu kwakhona kwiveki esizibhozo ukususela kwixesha lokutyala.

uNkcenkceshelo

Nkcenkceshela phakathi ko 30 no 40mm wamanzi ngeveki ngalo lonke ixesha lokukhula. Kuyacetyiswa okokuba kufakwe ezokujongana nokufuma ezaziwa ngokuba zi (moisture tension meters) ukujongana noxinzelelo lokufuma emhlabeni. Ingcambu ezininzi zixutyiwe kumgama ongama 30cm ngaphezulu komhlaba, kungasetyenziswa ifotsholo ukujonga umhlaba.
Eyona ndlela ilungileyo kukunkcenkceshela nge driphu ngaphantsi kwe plastiki enamaxolo kuba oku kunikeza umfama ulawulo lokunkcenkceshela nokuchumisa isivuno sakhe. Ukunkcenkceshela ngesikhukhula kungenza amanzi ame ngxi okanye imbalela njengoko kunzima ukuwulawula. Ukunkcenkceshela ngaphezulu kungenza izifo ze fungi nokubola.

Translated by Zikhona Plaatjie