uLawulo lwe Sivuno se Sweet Pepper
uJikeleziso Lwesivuno
jikelezisa ipeppers naso nasiphi na isivuno se ‘solanaceous crops’ (isivuno esingenaso isithinzi ebusuku) ezingahlutshwa ziinkumbi ezifanayo kunye nezifo.
Ubungakanani Bemveliso - Itoni ngokwe hectare
Okunqabileyo: itoni ezilishumi (10)
Okuphakathi: itoni ezilishumi elinesihlanu (15)
Okulungileyo: amashumi amabini (20) + nangaphezulu
uKuvuna
ukuvuna isiqhamo isweet pepper, ivunwa ngesandla ngesixhobo sokuvuna ukuze izikhondo sisikeke kakuhle kushiyeke I 2 cm yesikhondo kwi pepper. Kuqala kuvunwe ipeppers ezihlaza ngombala, kwiveki ezilandelayo ezimbalwa zingavunwa eziyimibala xasele zikulungele ukuvunwa. Ipeppers ezizakunkonxwa zivunwa ngomatshini.
Indawo Zokugcina
Ngenjongo zokugcina, xa sele zivuniwe ipeppers kufuneka zikhawuleze zifakwe phantsi kobushushu obungu 8 ukuya ku 10 degrees celcius, nokuphuma oku ngapha ko 90%. Ipeppers mazingagcinwa ngapha kwentsuku ezi lishumi elinesine, nkqu kwimeko ezizilungeleyo.
Iinkumbi Ezidla Izityalo
Nematodes emhlabeni, Cutworm, American Bollworm, Red Spider, Aphids, ne Thrips Mite.
Izifo
Powdery mildew, Tobacco Mosaic Virus, Viral Wilt, Phytothora, Bacterial Wilt, Botrytis Bacterial Rot ne Bacterial Spot.
Kucetyiswa ukunxulumana nomcebisi osebenza ngekhemikhali okufuphi kuwe okanye lowo usebenza ngezityalo nezifo ukuze akuncede ukukhusela izityalo zakho.
Translated by Zikhona Plaatjie